UMolewa uqaphela umhla wokukhusela indalo ehlabathini

Umphathiswa wesebe lemicimbi yezendalo uEdna Molewa namhlanje uzakube ekwibala lezemidlalo iCottondale eAndover kwiphondo laseMpumalanga ukuya kubhiyozela umhla wokuqaphela okusingqongileyo kwehlabathi (World Environment Day).

Lo mhla ubhiyozelwa rhoqo ngomhla wesihlanu kweyeSilimela, kodwa urhulumente kazwelonke ugqibe kwelokuba awuqhube namhlanje.

Iinjongo zolu suku, oluye lukhokelwe ziZizwe eZimanyeneyo (United Nations) kukukhuthaza uluntu ukuba luthabathe inxaxheba kukhuselo lwendalo.

UMolewa kulindeleke ukuba athethe noluntu ngezona zinto ziyintsika kukhuselo lwendalo.