Isimemo kuqhankqalazo

Xa kukhala umnxeba phaya ngentsimbi yeshumi elinanye ebusuku, uphendule, ufumanise ukuba umntu lo uthetha naye ukumema kuqhankqalazo lwakusasa uye uthini? Ingakumbi xa ungunondaba?

Uyavuma. Uzakutsho ufumane imifanekiso yabantu besilwela iimfanelo okanye amalungelo abo. Apho iye ixake khona kuxa lo mntu ukumemayo esithi kuwe “asizokuqala de nifike, sakunilinda!” Iyaxaka ngoba uye uzibuze ukuba ingaba na olu qhankqalazo lwenzelwa bani? Oyena mntu kuthethwa naye ngubani?

Kulapho amajelo osasazo naweendaba kufuneka akhe azibhencabhence khona. AbakwaSABC sele beyibonile le nto, bagqiba kwelokuba bona abazokusasaza imifanekiso yabantu abaqhankqalazayo, ingakumbi leyo ikhatshwa ludushe. Kutheni?

Iyakusakha into yokuba siqaphele indima edlalwa yikhamera okanye bubukho bukanondaba kuqhankqalazo. Kwakupha koka-2008 xeshikweni kuqhushuluka ubundlobongela neziganeko zokubukulwa kwabemi bamanye amazwe apho sabona kakuhle indima yobukho beentatheli kwiziganeko ezinje.

Kusekho nombuzo wokuba la ndoda yatshiswa phambi kweekhamera ngabahlali ngeyayitshisiwe na ukuba yayingekho ikhamera? Ukuba siyakhumbula indoda leyo yabethwa yashiywa apho kodwa kusakuthi gqi iintatheli igquba labantu labuyela kuye lamtshisa phambi kwezwe lonke. Zikhona neencwadi zezifundo zeMedia ezizama ukucacisa ifuthe leentatheli kumsindo wabahlali.

Kufumaniseka ukuba abahlali bayabaxa xa besazi ukuba izenzo zabo zizakuvela kumabonakude okanye emaphepheni. Kufuneka siyicingisise indima yeMedia kuqhankqalazo. Nathi sisiya sizibonela ngokwethu ukuba xa singayanga kuqhankqalazo kuye kungamoshwa kakhulu, sisakubakho neekhamera zethu kuye kutshiswe le na le kungenelele namapolisa. IMedia kukuba liliso lesizwe kodwa masingoyiki ukuzibuza le mibuzo.