Ulutsha: Asinamali yokuthenga imisebenzi

Baphekwe besophulwa ngemibuzo abaphathiswa abaquka owezonxibelelwano uFaith Muthambi, Ngoako Ramatlhodi weenkonzo zoluntu kunye nosodolophu womasipala waseBuffalo City uAlfred Mtsi ngethuba bethetha nolutsha lwaseMdantsane izolo.

La masebe ebetyelele ingingqi yaseMdantsane kumsitho ububanjelwe kwibala lemidlalo iSisa Dukashe eMdantsane.

Oku kuyinxalenye yeenkqubo eziphawula ukuqala kwenyanga yolutsha inyanga yeSilimela.

La masebe ebezekuthetha nolutsha olungaphangeliyo lwaseMonti ngeenjongo zokubanika uncedo, itsho ingxelo. URamatlhodi uthi isebe lakhe lizise uncedo kubantu abatsha abangaphangeliyo base- BCM.

“Sizakunika umntu omtsha ngamnye imali ephaya kumashumi amane anesihlanu amawaka kwisithuba seminyaka emibini ukuze afunde isakhono esizakumnceda ukuba afumane umsebenzi,”uthethe watsho uRamatlhodi.

USiyabulela Siyongwana unesidanga kwezomnxibelelwano ubhekise imibizo nesikhalo sakhe kuMtsi. “Ingaba uyayazi na sodolophu into yokuba imisebenzi siyayithengiselwa phaya kwamasipala ukuze siqeshwe, kwaye asinayo imali yokubhatala aba basebenzi bakwamasipala bafuna le mali,” kutsho uSiyongwana.

Eziphendulela koku uMtsi uthe: “Yinyaniso yona le yokuba abantu baxhatshazwa ziinkampani zengqesho zabucala ezithi ziqeshe abantu ngendlela engakhuselekanga, siyayazi lo ngxaki ayiyiyo eyalapha eBCM kuphela.”

UMtsi uhambise wathi isesisityholo esi sokuba umsebenzi uyathengiswa phaya kwamasipala waseBCM, ukuba iyenzeka into enjalo bubuqhophololo obo umntu owenza lo nto kumele ukuba abanjwe, ukhuthaza abantu ukuba bachazele amapolisa nomasipala ngeziganeko ezinjalo.

URamatlodi uthi ukukhupha le mali akunanto yokwenza nolonyulo oluzayo koko kuyinxalenye yeenkqubo eziqhelekileyo zikarhulumente.

“Kukho isikhumbuzo seminyaka engamashumi amane somhla wolutsha kulo nyaka ukusukela oko kwathi kwabulawa ulutsha eSoweto ngonyaka ka1976, ngoko ke urhulumente usebenzisa esi sikhumbuzo ukunceda abantu abatsha,” utshilo uRamatlhodi.

Ukanti ulutsha lombutho we-EFF alufumenanga thuba lokuthetha kule nkqubo emva kokuba becele ithuba lokuba bathethe njengabanye abantu abatsha.

Othethe egameni lombutho lolutsha weEFF eBCM uLunga Tuze uthi nangona ibingumcimbi karhulumente lo ujike wenziwe umcimbi wombutho othile.

“Bayayazi ukuba sizakuthini abakhange basinike umboko ukuba sithethe kuba sisoloko sithetha ezi zinto bangavumiyo ukuba zithethwe, asilifumenanga ithuba lokuvelisa ezethu izimvo,” utsho uTuze.

Kulindeleke ukuba umasipala adlale indima ephambili ukunabisa indlela ezakukhutshwa ngayo le mali ezakunceda abantu abatsha. UMuthambi uthembisa ijelo losasazo lasekuhlaleni iMdantsane FM ukuba lizakuxhamla kwiinkqubo zesebe lakhe. “Amashumi amathathu eepesenti ohlahlo lwabiwo mali kwisebe lam azakunceda amajelo osasazo asekuhlaleni kuquka iMdantsane FM,” utshilo.