Isidumbu emva komlo woonoteksi

UDUSHE loonoteksi eMthatha lushiye omnye wabakushishino lweeteksi ebhubhile ngethuba kuthululwa iimbumbulu ngamadoda angaziwayo kwirenki yeeteksi yaseCorana kufutshane nodederhu lweevenkile iCircus Triangle eMthatha izolo.

Ixhoba lalo mlo, eliqikelelwa kwiminyaka engamashumi amabini anesihlanu, liyinzalwelane yaseCorana eLibode, kwaye belisebenza njengomncedisi (taxi conductor) waseCorana eCircus Triangle. Kuvakala ukuba lidutyulwe ngamadoda ebehamba ngesithuthi esiluhlobo lweDouble Cab nathe abaleka kamva. Kwesi siganeko kushiyeke konzakele abantu ababini, omnye wabo ungeniswe esibhedlele onzakele ngokumasikizi lo gama omnye enyangwe kwikhemisti wakhululwa kamva.

Othethela amapolisa kummandla waseMthatha uWarrant Officer Dineo Koena uthi awukaziwa unobangela wokudutyulwa kwexhoba okwangoku.”

Ixhoba lidutyulwe inxeba elinye esifubeni lasweleka ngoko nangoko, kwalimala abantu ababini. “Sicela umntu onolwazi ngesi siganeko axelele amapolisa, ingxelo esiyifumene kwindawo yesiganeko ibonakalisa ukuba esi siganeko sinxulumene nodlame loonoteksi nanjengoko ixhoba lincedisa erenkini,” utsho uKoena.

Sele befikelele kwisine abantu asele bedutyulwe babulawa kolu dushe lonooteksi kulo nyaka kuphela kwiziganeko ezine ezenzeke kwindawo yaseMbuqe, Bongweni kwidolophu yaseMthatha naseNtlaza.Indoda ezibonele ngamehlo engavumanga ukubizwa ngegama ngeloyikisela ukhuseleko lwayo nephangela kwirenki yaseCorana ithi, lo mlo uqale kwinyanga ephelileyo emveni kokuba isithuthi saseMthatha kumbutho ka-Uncedo Service Taxi Association sithathelwe imali ngonooteksi baseLibode kodwa lo nto akhange ithathelwe manyathelo ngamapolisa aseLibode.

Le ndoda ithi ixhoba lidutyulwe ngethuba isithuthi sikawonkewonke saseLibode besizothathelwa imali njengendlela yokuziphindezela kanti kukho le veni egade esi sithuthi saseLibode, ngethuba oonoteksi baseCorana bewela, kwadutyulwana.

UKoena ukwathi banazo iingxoxo abanazo nabaphathi becandelo lezothutho, uthi esi siganeko senzeke kanye ngethuba bephuma kwingxoxo.