Inkolo yemveli ilwa ubuKrestu

Khawube nomfanekiso-ngqondweni wamawaka abantu abasuka kwiilali ngeelali beyokudibana kwibala lebhola ekhatywayo ngelithi bayokufumana iinkonzo zempilo simahla. Abanye baba bantu bafike ezinzulwini zobusuku bezokufolela ezi nkonzo.

Umbono obuhlungu weenkonde neenkondekazi ziqhaqhazela engqeleni yobusika belindele uncedo. Kuse, liphume ilanga, bangene oogqirha ngezithuthi zabo, kuqalwe ukuncedwa abantu. Njengokuba abantu bengena kule ntente babuliswa ngeculo laseCaweni, kuyathandazwa nokuthandazwa. Akho nto igwenxa apho. Ingakumbi xa uqwalasela ukuba le nkqubo iququzelelwe yiCawe ethile yasengingqini.

Ukuba umbutho okanye icawe ethile igqiba kwelokuba ifuna ukuzisa iinkonzo ezithile ebantwini ingaba sikhona na isono apho?

Asikho, kodwa ingxaki iye yakhona xa sisiva ukuba abenkolo yemveli abonwabanga tu lolu ncedo luziswa yile cawe. Abenkolo yemveli bame ngelithi abantu baqhathwe ngelithi mabaye eDutywa, kwibala lakwaNgumbela, ngoMgqibelo bayokufumana uncedo kwezempilo kanti kukwasasazwa nezwi lenkolo yobuKrestu.

Xa umcimbi uququzelelwe yicawe, asiboni ngxaki. Mhlawumbi kufuneka sigrumbe nzulu kumba wokuba abenkolo yemveli bakhala ngantoni kanye kanye. Kudala siyibukele le ‘mfazwe’ iphakathi kwabenkolo yemveli nabeecawe zobuKrestu.

Kwaye kukhangeleka ngathi abenkolo yemveli abazokuphumelela ngoba ayikho ninzi into eyenziwa ngabalandeli bayo. Ingxaki ngenkolo yemveli yeyokuba iquka amasiko nezithethe zethu, ngoko ke kunzima ukuyibona njengenkolo enokukhuphisana nobuKrestu. Umzekelo, umntu uyakwazi ukuba ngumXhosa ongumKrestu.

Ingayimfazwe enzima kakhulu ukuzama ukuguqula oku kunxananaza phakathi kweenkolo ezimbini kwabantu. Abenkolo yemveli mabavule izikolo namaziko ongezekileyo okuqinisekisa ukuba amasiko nezithethe ziyalondolozwa.

Makuthethe izenzo, hayi izikhalazo nezigxeko kumaKrestu azibona ezama ukunceda.