‘Maliguqule iimpilo zabantu iziko laseFort Hare’

Ingqonyela yaseFort Hare uMfundisi Makhenkesi Stofile uthi isebe elijongene nezolimo kwela ziko malidlale indima ukuphuhlisa iilali eziyingqongileyo.

“Kule minyaka ilikhulu izayo, iFort Hare inoxanduva lokuba iguqule impilo yabantu bezi lali zikufutshane kuyo ngokusebenzisa ulwazi kwezolimo kutye abantu,” uthethe watsho uStofile.

Oku kuvele ngethuba kuqhutywa ingxoxo phakathi kwabaphathi beli ziko kunye nabo babesakuba ngabafundi eFort Hare.

“Asinakuyibaleka into yokuba iFort Hare idlala indima entle ukunyusa umgangatho wolwazi ebantwini nemfundo ngophando nzulu nezinye iinkqubo, kodwa kusekukuninzi ekumele ukuba kuyenzeka,” uthethe watsho uStofile.

Lo kaStofile uthi, usemkhulu umsebenzi omele ukuba wenziwa leli ziko ukuphucula intlalo yabantu.

Lo kaStofile wabelene ngeqonga kunye noBarney Pityana, Somadoda Fikeni, Mvuyo Tom kunye noNomsa Mazwai owayesakuba ngumfundi weli ziko.

UStofile uthi, iilali ezingqonge iFort Hare kumele ukuba ziyindawo apho kuveliswa khona ukutya okuninzi kusetyenziswa ulwazi olufundwa kweli ziko.

“Sinelona sebe lezolimo lisemgangathweni elifundisa ngezolimo, kodwa xa ujonga ezi lali zilapha kufutshane azibonakalisi ukuba kukho elo ziko, makuphunywe kuyiwe ebantwini kuguqulwe impulo zabo ngolu lwazi,” ucacise watsho uStofile.

IFort Hare ayinantanga kumcimbi wokufundisa ezolimo kumazwe akumazantsi eAfrika.

“Kudala apha eFort Hare iinjingalwazi zaziphuma ziye kwezi lali zincedise oomama ngokubafundisa ukulima nokufuya ukuba kwenziwa njani ukuze kubeyimpumelelo,” utsho uStofile.

UStofile uthi, eli ziko linoxanduva lokuqinisa iinkqubo zalo ukusukela ngoku ukuze iminyaka elikhulu ezayo ibe- yiminyaka ezele impumelelo.

“Sinoxanduva ngoku lokuqinisekisa ukuba singena kwiinkalo ezahlukileyo zentlalo ukuze ngolwazi oluphuma kulo mthombo baphile abantu bakuthi,” uthethe watsho uStofile.

siyabulela.mqikela@inl.co.za