Bafuna ibesemthethweni intsangu

NGAMAWAKAWAKA agcwalise izitalato zaseKapa beqhankqalazela ukuba intsangu ibesemthethweni.

Bekulitsili lomsi abaqhankqalazi bempakuza phambi kwamapolisa agcine ucwango kolu qhankqalazo, bephephezelisa amaphekepheke anemifanekiso yentsangu nemiyalezo efuna ukuba libesemthethweni eli cuba.

“Buninzi ubungqina kwihlabathi liphela, obubonakalisa ukuba isityalo sentsangu silichiza,” ucacise watsho omnye wabaququzeleli balo mngcelele uJohannes Berkhout.

Ukwathe, eli chiza liyasetyenziswa kwamanye amazwe kuluntu olunesifo somhlaza, ingculaza nezinye izigulo.

Uqhube wathi, ukwenziwa kwentsangu ibesemthethweni kuzakunika urhulumente ukuba eze nemithetho yokuthintela ukuba ingasetyenziswa ngokungekho mthethweni. UBerkhourt uthe, olu qhankqalazo liyinxalenye yemingcelele ekumila kunje ebamjwe kwamanye amzwe ehlabathi.

Aba baqhankqalazi bathe ukungenziwa kwentsangu ibesemthethweni kunyhasha amalungelo abantu kweli.

Ngonyaka ka2014 ilungu lePalamente yeli uMario Orian-Ambrosini wayila umthetho ongumkhomba ndlela wokwenziwa esi sityalo ukuba sibe semthethweni. “Iyasinceda ukuba sikhululeke, lilungelo lam ukukhetha ukuba yintoni engena emzimbeni wam, ngummangaliso ukuba sibenesityalo esifana nesi, sifuna ukuba sibe semthethweni,” ulebele ngelitshoyo uBerkhout.