Iimeko ezingcono kubalobi abasakhasayo

KULINDELEKE ukuba babengosoomashishini abaxhathisileyo abalobi abasakhasayo baseMpuma Koloni emva koqeqesho abalufumene kwisebe lezolimo ezolobo kwakunye namahlathi.

Kwinyanga ephelileyo eli sebe liye lanenkqubo yokuba bonke abaloba ngokungekho mthethweni nabo mababenempepha kwaye babe nelungelo lokuloba naphi na kwaye nangaliphi na ixesha.

I’solezwe lesiXhosa liye latyelela esinye sesitishi ebekubhaliselwa kuso kwiveki ephelileyo umlambo iNxuba, iFish River ePort Alfred neliye lanethuba lokuncokola nabo bakwilungelo lokufumana iimpepha zelungelo lokuba lilobe nangona abanye safika bekhedamile besithi abafikeleli kwezinye zeemfuno ezifunwayo lisebebe.

UPhelele Ndawule (41) onamashumi amane ananye eminyaka wasePrudu eFish River nosele eneminyaka engapha kweshumi engumlobi uthe uyavuya ethe wangomnye ozakuthi akwazi ukuloba ekhululekile kuba kuqala bebengavumelekanga beleqwa nangamapolisa xa bethe babonwa beloba. UMatiwane akaphangeli uthi yimpangelo yakhe ukuloba.

“Ukungathengwa kwe- ntlazi endithe ndayiloba ngolo suku iye ibeyilahleko enkulu kum leyo. Awukho lula lo msebenzi unemicelimngeni nokungabambi ntlanzi ugoduke nelize kube kujongwe kum endlini akubimnandi. Ubuninzi beentlanzii ngosuku endithi ndizilobe zintathu, siye sizithengise apha endleleni zakungathengwa sizisa ngqo koonomalike silungiselele ukuba ukwazi ukuba neesenti,” utsho uMatiwane.

UNdawule ungomnye wabahlangabezanayo neezimfuno ekufuneka ubenazo ukuze ufumane isiqinisekiso kwanelungelo lokuloba.

UMichel Dingela oneminyaka engamashumi amabini engumlobi uthi akasawazi nowona nyaka waqala ngawo ukuloba, uthi, akazisoli noba na kunzima kuba akalali engatyanga nosapho lwakhe ekhaya, uthi nekhulu uyakwazi ukulenza ngosuku kanti neR30 kuphela uyakwazi ukuyenza. Uthi olu lwabo ushishino luneentsuku zalo.

Aba balobi bathi elona xesha lilungileyo lokuloba lelasebusuku kuba lilona xesha zitya ngalo iintlanzi.

UVuyisani Jozana weli sebe ephondweni uvakalise ukuba kummandla waseFish River uluntu lwakhona alukhange lusabele kakhulu njengezinye zezitishi ebeselekhe bazihamba beyokubhalisa uluntu. Utsho ebalula izinto ubani ekufanele abenazo ukuze abengumlobi onelungelo, Ukuba nesazisi salapha, udlule kwiminyaka elishumi sele ungumlobi, udlule kwishumi elinesibhozo ngeminya, kwaye ubengummi weli, ubhalise kwindawo osele uneminyaka engapha kweminyaka emihlanu ungumhlalli kuyo.

Uthi isebe lizama ukuba bayeke ukuba balobe kuba bechitha ixesha bazakuloba kuba izakube ingumsebenzi wabo osisigxina, kwaye bazokwazi nokuba bayokuthengisa ekuhlaleni.

Ongusekela mlawuli kwicandelo labalobi abasakhasayo kweli sebe uAbongile Ngqongwa uthe, oku kukudala amathuba engqesho asisigxina, sifuna iiHotele ezifana nooMphekweni zithenge kuba- lobi iintlanzi ezo bazilobileyo bathembeke kukwazanywa nokuphuhlisa izakhono zabo. Emva kolu bhaliso bazakuthi bafumane noqeqesho abo balobi bathe bahlangabezana neemfuno ebezifuniwe kubo, apho bazokwazi ukuba liqela elizakukwazi ukupolisha izakhono zabo kwaye oosomashishini abashishina ngeentlanzi abasele bekhulile bathenge kubo.