Amapolisa aphanda ingozi emasikizi eGeorge

Ikhululwe indoda enamashumi amathathu ananye yaseGeorge ebibanjwe malunga nengozi ebimbi yemoto apho kuye kwabhubha abantu abahlanu kwimpela veki esisuka kuyo.

Othethela amapolisa ala mmandla uKapteni Malcolm Pojie uthe, basalinde iziphumo zovavanyo lwegazi obelwenziwe.

Kule ngozi kubhubhe abantwana ababini abaneminyaka emithathu, omnye eneenyanga ezintathu ngethuba imoto ebebekhwele kuyo igaxeleka engozini kwindlela iHerolds.

Kuye kwasinda wamnye umntu kule ngozi. Amagama amaxhoba awakachazwa.