Uvavanyo:

Kudala sayilangazelela ukuyivavanya ke lena siyijonga kule veki. I-Mazda MX-5 Roadster sesona silahla siyintandane kwilizwe jikelele, oku sikubona kumanani emizekelo emoto entlobo nye angawona makhulu athengisiweyo oko yaqala ukwakhiwa le moto ngo-1989. Ukusithinta kwaMazda basixelela ukuba iyeza izoba yeyethu iveki yonke kusinike imincili.

Lo mzekelo weMazda MX-5 sisizukulu sesihlanu. Kodwa ngokungathi ngemilingo ethile, abakwaMazda bakwazile ukwakha imoto emfutshane ukusuka emva ukuya phambili, kwaye nekhaphu-khaphu ngo-100kg kukho isizukulwana sokuqala sango1989.

Oku kuyancomeka mpela, kuba ngesiqhelo iimoto ziya ngobankulu, zisiya ngokusinda, kuba amaqunrhu okhuseleko esoloko efunao ku noku kufakelwe kwiimoto ekuncedeni abakhweli bakhuseleke.

Njengoba ukubukeka kweemoto ezininzi zale mihla, uyilo lwe-MX 5 luthande ukutsoleka xa ijonga kwizibane zangaphambili nangemva, kodwa ubumbo lwayo lusafana nolo lwamandulo.

Oku kunceda ekunikeni le moto intsha ukuhlobana nezo beziyelelene. Baayichana kwasekuqaleni, ngoko ke siyacinga ukuba bengungekho nzima ukuphucula nje oko bebe- sebekwenze kakuhle.

Kula malanga iintsimbi namalaphu neeplastikhi ezisetyenziswayo emotweni zivakala ngcono ezandleni, zibukeka ntle kakhulu emehlweni. Singatsho sithi benze njalo kule i-MX-5, ibukeka “iyeyes’manje-manje”.

Ufumana ntoni ngaphakathi? Izitulo zibini kuphela, nguwe nowakwakho (okanye oyifumeneyo epotsoyini) qha. Kodwa ningabakhweli nihlala kwizitulo ezenzelwe ukunibamba (xa nithatha amagophe ngesantya) ezogqunywe ngofele, ziyashushubezeka futhi ezo zitulo. Akhona amaqhosha alawula ubuqondo bobushushu, iifestile zezombane. I-MZD Connect Infotainment system ebabaziweyo yakwa-Mazda ikhona nayo, kodwa ifuna ubhatale uchatha ukuze iphume ine-SatNav.

Okona kusithukuthezelayo kodwa kukuba iyabonakala ukuba seyifakelwe i-SatNav, kodwa xa ucofa uzama ukuyisebenzisa, ufumana umyalezo okuxelela ukuba hamba uyokuvulelwa kwa-Mazda.

Oku kuthetha ukuba seyikhona i-SatNav, qha nje bafuna ubhatale kwakhona ubhatalela isitshixo-sombane (code) kuphela. Kunyanzelekile na ukuba sithethe ngee-Bluetooth/USB ezifumanekayo? Azifumaneki ezi zinto kuzo zonke iimoto kweli nqanaba? Zikhona ziyafumaneka ke. Iphela apho edibene nomkhweli ekhohlo.

Konke okunye kule moto kulungiselelwe umqhubi. Kwi-instrument cluster, umqhubi ufumana izalathiso zamasiba ezibonisa isantya samavili neenjini ezibukeka zintle, kwaye zicwelile.

Kwiimpondo zokuqhuba kufumaneka amaqhosha okukhetha ukubona urhabulo lwepetroli nomgama ohanjiweyo, noba kushiyeke umgama ongakanani phambi kokuba ithontsi liphele etankini.

Akhona namaqhosha okulawula i-cruise control kwalapha kwiimpondo zokuqhuba ezogqunywe ngofele. Igqudu legiya (6-speed manual kuphela) lifikeleleka lula. Induku yehandbrake isondelelene negiya apha ngeneno komqhubi, ngathi bayayazi ukuba iihandbrake turns zizokwenziwa rhoqo ngumqhubi.

Onke la maqhosha neegiya alawula ntoni? Ngaphantsi kwebhonethi kukho injini ye-2.0 litre eziphefumlelayo (akukho zi-turbo) enamandla angange-118kW/200Nm.

Lo mfutho untingisa i-MX-5 ukuya ku-100km/* nge-7.3secs. Irhabula ipetroli njengenene ku-6.7lt/100km oncomekayo okholelekayo (thina sifumene * -8.6lt/100km kwiveki ebesinaso esi s’lahla, kodwa ke besimana ukusinyathela ngobundlavini is’kakhulu).

Ibabazwa ngendlela eziphatha ngoyo endleleni i-Mazda MX-5. Indlela ebambelela ngayo inika umqhubi isibindi sokwenza izinto ebengaqondanga ukuba angazenza.

Xa ithe yayekelela ukubambelela ngasemva, iye inike umqhubi ithuba lukorhoxa. Ukuyeka kwakho ukunyathela umcephe, iye ibuyele engceni.

Kanene besithe sis’lahla. Uphahla lolwelaphu, luvuleka luvaleke ngendlela elula kakhulu. Alusebenzi ngambane, uye ulutyhale okanye ulubuyisele ngesandla. Oku kwenza olu phahla lubekhaphu-khaphu.

Incinci i-Mazda MX-5, ngoko ke isithuba ngaphakathi sinqongophele mpela. Kodwa asikwazi ukuyityhola ngalo nto kuba yenzelwe ukubancinci kwayona, zange yathembisa sithuba sokukhabalaza kwasekuqaleni.

Ixabiso:

Mazda MX-5 2.0 litre Roadster Coupe – R413 800

Service Plan & Warranty – Iminyaka eyi-3 / Unlimited km

Silandele ku-Twitter nhaku-Instagram ku-@ilisolezwe okanye ulandele intatheli ku-@doughZAR.