UPhiyega ujongene namatyala aseMarikana

UJONGENE namatyala ezinkundleni ngezenzo zaseMarikana uRiah Phiyega.

UPhiyega osanqunyanyisiweyo njengomkomishinala wamapolisa kweli, umangalelwe kunye noZukiswa Mbombo owayengu mkomishinala eMntla Ntshona, kwakunye namanye amapolisa amabini uLedile Malahlela ekunye noMajor-General Ganasen Naidoo.

Bobane bajongene namatyala ngendima abathi bayidlala kwisiganeko saseMarikana esakhokelela ekudutyulweni kwama-34 wabasebenzi mgodini, kumgodi wePlatinam iLonmin.

Ikhala elijongene nokusebenza kwamapolisa i-IPID, lidize oku kwikomiti ejongene namapolisa ePalamente. Umlawuli obambeleyo we-IPID uIsrael Kgamanyane, nobenikwe uxanduva lokuqinisekisa ngokuphunyezwa weziphakamiso zikajaji Ian Farlam obechophele ikomishini yaseMarikana.

UKgamanyane udize ukuba amatyala ngakuPhiyega noMbombo ayevulwe ngoSeptemba wanyakenye, kwaye isigqibo sokutshitshiswa silele kwigunyabantu lezotshutshiso. UMalahlela noNaidoo bajongene nezityholo zokuphazamisana nokusebenza kwengalo yomthetho.

Oku kulandela emva kokuba uMalahlela wabika ukuba ixwebhu lekhompyutha eliqulathe imizuzu yentlanganiso ekwathathwa kuyo isigqibo sokuhlasela abasebenzi mgodini baseMarikana ngamapolisa lilahlekile.

Bobabini bekunye noNaidoo, zange bayidlulise imipu yabo kumapolisa aphanda ngezixhobo emva kwesiganeko saseMarikana.

UKgamanyane ukwathe uNaidoo wayeyalelwe ukuba aqinisekise ukuba amachiza ayafikelela kubasebenzi mgodini abenzakeleyo, kodwa akakuphumeza oko.