ISAFA inethemba leBafana ka-1996

Usuku lwayizolo beluphawula iminyaka engamashumi amabini nalapho iBafana Bafana yaphumelela indebe ye-Africa Cup of Nations kumhlaba wayo. Iqela lesizwe nelaliqeqeshwa nguClive Barker ngoko, labetha iTunisia ngamagowuli amabini eqandeni kwibala elalizele limi ngeembambo i-FNB.

Njengokuba liqhuba iphulo leSAFA lika-2022, umlawuli wokusebenza kwezinto kwiSAFA, nowayekhokela iBafana kwimpumelelo yayo, uNeil Tovey uthi baneenjongo zokubuyisela iqela lesizwe kwiindawo yalo. “ Ngelixa sasingena ebaleni, zange siyazi ukuba sizakwenza imbali ngola suku, imbali eyaye yatshintsha imbali yeli lizwe kwiminyaka elandeyo. Sangena ebaleni singekho phantsi koxinizelelo, kwaye injongo yethu yayikukuphumelela umdlalo. Sasingayazi ukuba izakuthatha ixesha elide ukuba siphinde senze le nto sayenzayo,” utshilo uTovey. Umqeqeshi owaphumelela le ndebe uClive Barker uthi, iinkumbulo zika-1996 zimane zibuya kodwa eyonanto imkhathazayo kukusweleka kukaSizwe Motaung noJohn “Shoes” Moshoeu.

“ Bendingathanda ukuba aba badlali babini bebeyinxalenye yemibhiyozo yeminyaka engamashumi amabini yale mpumelelo, kuba bobabini badlala indima enkulu kwimpumelelo yethu.

Ndikhumbula uShoes edlalela ukuzibulala kumdlalo ophambi kwamagqibela kankqoyi esabetha kuwo iGhana,” ukhumbule le nto uBarker.

chris.gilili@inl.co.za