Amanqanaba asixhenxe omtshato oyimpumelelo

Ubumnandi bomtshato bukwincasa. Ayibobukho bemali neemoto, ubuhle babatshati ,ilifa okanye imfundo, ngokokutsho kukaNombini Faith Maqelana.

1. ZAZI, xa utshatile wazi amandla nobuthathaka bakho ukuze ulazi icala elisadinga uncedo apha kuwe, phambi kokuba wazi kakhulu ezalowo umanywe naye. kuxhapakile kwaye kulula ukuzazi iimposiso zomlingane wakho, ube ungaziboni ezakho, loo nto iphelisa incasa emtshatweni kuba azenziwa izilungiso.

2. ZIMISELE,wakuba utshatile , musa ukusonga izandla ngokungathi ufikelele esiphelweni. ukutshata kukuqala uhambo olutsha lwbabini.Umtshato uneentshaba ezifuna uhlale uthe qwa ukuze uphekuze, nokhula oludinga ukumana uhlakula ukuze lingawongameli umtshato wenu liwosele.

3. ZIBAMBE, kuxhaphakile ukuba kutshate umvundlazana nofudwazana, abantu abanezantya ezingalinganiyo, omnye uze nemibono emihle engxamisekileyo ekufuneka yenziwe ngoku , abe omnye esonwaya intloko ebeka uloyiko, namaxhala nelahleko. Omnye wenza izinto ngesantya ngelixa omnye ehamba ngonyawo lonwabu. Ngenxa yokuba nibotshwe ngantambo-nye , zibambe ukuze angabetheki * -wenu kube kubi kuye, mlinde ke ufudwazana wakho, uthandaza, kuba ngowakho.

4.ZIFUNE, xa kukho ingxaki emtshatweni qala kuwe uzihlole, phambi kokuba ukhombe kumlingane wakho , loo nto iyawuphungula umthwalo nobushushu ongabuthululela kumlingane wakho ngenxa yomsindo nentlungu eyenziwe yingxaki leyo.

5. ZINCAME, ukutshata kukuzinikela kulo mntu utshata naye ngokupheleleyo, kukushiya isikundla esidala undizele ngasentla, kukuzilumla kwizinto, ezimnandi zinjalo , ezinganobutshaba kububudlelwane basemtshatweni. Ibele liyekwa lisaphuma ubisi . ,Akulindwa litshe ukuze uliyeke. Musa ukungena emtshatweni neentshaba zomtshato : iitshomi, . umntu wesithathu, nokuzifanisa nabanye abantu.

6. ZINZA xa sele ukhethile musa ukuqalaza. umntu obeka isandla sakhe ekhubeni lokulima aze aphunguze uyabhanka. nokuba lo umkhethileyo akabonakali egqibelele , luxanduva lwakho ukuyisebenza intsimi yakho, uyithelele ufake nezichumiso ,inene uyakukubona ukuqaqamba nokutyatyamba kwalo mtshato.Amehlo akho mawabe kule ntsimi yakho. Faka zonke izincasanisi neengcebiso ozifumanayo.

7. ZISA. Ulonwabo lwendoda emtshatweni lusemfazini, ukanti nolomfazi lusendodeni. Musa ukuba sisaqhaga emtshatweni.Umntu otshate naye makanganqweneli izinto zasemtshatweni esemtshatweni, ewe nditsho ,”izinto zasemtshatweni”. Mbi umtshato onendlala. Makangade anqwenele umtshato wase- bumelwaneni ngenxa yembalela esemtshatweni wakhe. Bambisisa oku ke ,incwadi yokuqala KwabaseKorinte , isahluko 7 ivesi 33 no 34 ,”Ozekileyo ke uxhalela…ukuba angathini na ukumkholisa umkakhe ,Owendileyo ke uxhalela…ukuba angathini ukuyikholisa indoda yakhe”.

QAPHELA OKU :

Umtshato omhle nophumelelayo ngumtshato wesibini, ewe qala ngokutshata neNkosi yomtshato uYesu ukuze akufunde kuyo uku THANDA ,ukuTHOBELA nokuTHEMBEKA. Kaloku uThixo ngumbumbi walo mntu udibana naye ebudaleni bakho, yena uThixo lo mntu wamazi engekabikho kwa sesizalweni, Kwasemaphakdeni , tshata nenkosi ukuze wakuxakwa ngulo mntu wakhe, uqale kuyo iNkosi, yona iyakukunceda .

UMaqelana uyafumaneka kumnxeba ongu: 074 077 6372, kuFacebook ngu-Mamisto’s Maqelana. Mphulaphule rhoqo ngeeCawa ku-Alfred Nzo Community Radio ngentsimbi yesithandathu ukuya kweyesithoba ebusuku (6-9 pm).