UVodacom uzibophelele kwiSuper Rugby

Inkampani esebenza ngeemfono-mfono yakwa Vodacom, izolo yangeze isivumelwano sayo sokusebenzisana netumente yombhoxo yaminyaka le, iSuper Rugby.

Le nkampani yengeze esi sivumelwano ngeminyaka emihlanu. Bakhona nabanye abaxhasi abathe bavuselele intsebenziswano yabo kunye neSARU kwezi veki zimbini zidlulileyo. Ziquka iTsogo Sun, Bidvest Car Rental, Outsurence kunye nezinye iinkampani.

Siyavuya kukuba uVodacom evuselele isivumelwano sakhe kunye nathi,” itshilo ingqonyela yeSARU uJurie Roux.

“Sele sisebenzisene kakuhle kwiminyaka edlulileyo, kwaye andithandabuzi ukuba ubudlelwane bethu buzakukhula nangakumbi kule minyaka izayo.”

Enye into ezakwenza ukuba uVodacom axhamle kwesi sivumelwano, kukuba intsebenziswano yabo kunye neSpringbok izakugqama xa iqela lesizwe lidlala imidlalo yovavanyo.