Zazi, zithembe, zithande

Abantu esicinga siyabazi asibazi, ukanti nabantu abacinga bayasazi abasazi. Sinyanisile isiXhosa xa sisithi umntu yinkos’uzazi.

Ingaba ke ngoku lo nto ithetha ukuthi sihlale sivundlie, singabathembi abantu kuba singaqinisekanga ukuba bangobani? Hayi, into edingekayo qha kukuba zazi uba mawuthini xa ufumanisa ukuba lo mntu ubukade ucinga uyamazi yonke le minyaka ubungamazi, okanye ubungazazi izinto ezithile obucinga uyazazi ngaye ukwenzela kungazobakho mbambano phakathi kwenu.

Sazi isisombululo kungekabikho ngxaki ngoba iziphumo zingazibi xa sele ujamelene nemeko ngelo xesha. Xa uqiniseke ngokuzazi wena, kubalula kakhulu ukumelana nezinto okanye nabantu odibana nabo nophila nabo, awutshintshwa zimeko. Ekupheleni kosuku siyadingana. Noba ungakhathazwa kangakanani ngabantu, abantu uyabadinga. Ayidalwanga into yoba umntu aphile yedwa.

Ngaxeshanye, akubimnandi ukubukela abantu bejamelene ngezikhondo zamehlo babe bebesazana ngaphambili. Eyona nto iye ibenzima kakhulu kukuba sube ingabantu ebebelala ngengubo enye aba sithetha ngabo.

Xa umntu epha kude kuwe akukhathaliseki noba angathini ngawe, into ayithethayo ayibinamandla ukodlula into ethethwa ngulo ubucinga uyamazi.

Kukho lo mntu wena uthi unguye, kukho lo mntu abantu bathi unguye, ube kanti ungubani? Umcimbi wokwazi umntu unzima kwaye kutsha nje andiqondi uba yinto ebekumel’uba sizixhalisa ngayo leyo, yenye yezonto zingapha kwamandla ethu.

Kule minyaka ndiyiphilileyo ndifumanise ukuba umntu awunakuze ude umgqibe ukumazi, kulant’ba kwawena ungazazi ncam. Ezinye izinto ngathi zivezwa zimeko ezithile nabantu abathile.

Umzekelo, ungaze uthi uzazi ungenamsindo kodwa kubekho umntu nje oyedwa oyakuze akushukuxe de uzibone sele unomsindo. Ibonakala kakuhle ke le nto kubaqhubi ngamanye amaxesha, kukho nje isimilwanyana umntu abanaso xa esemva kwevili ongasoze usibone xa engaqhubi.

Ukuba singayithetha inyani kunzima kwa ukuzazi kwa thina ziqu, kubekela phi ukwazi omnye umntu?

Kwaye eyona nto isenza siphoxeke ebantwini kukulindela benze njengoba sinqwena. Asaziwa nangabazali bethu ncam, nabo asibazi ukodlula uba bebezazi. Umntu asizude simazi, sesicinga siyamazi, umntu uyatshintsha, nawe ngokunjalo.

Umntu ulala neli avuke neli kuxhomekeke ke kulowo unento yokwenza naye uba usamkela njani simo azibona ekuso. Andizami ukoyikisa abantu apha ngabantu koko ndizama ukuba sicinge gabalala ngomntu, nangawe kwaye sibenendlela yokumelana nezi zinto xa zithe zafika.

Ndiyakholwa ngabantu abasebenzisa iingqondo zabo ukusombulula iingxaki nokumelana nemicelimngeni abahlangabezana nayo kolu hambo lobomi. Ukuze sishiyeke singangxwelerhekanga kufuneka sazi kwangoku kusemnandi ukuba xa izinto zitshintsha sibheka phi, senza ntoni.

Into endiqiniseke ngayo kukuba siphila nabantu. Okwesibini utshintsho yinto ezobakhona esingenakuyibaleka okanye esingenakuyiphepha.

Noba izinto zitshintsha zibeyile nto siyifunayo okanye zibeyile nto singayifuniyo.

Lo nto isibuyisele kwinto yokuba kufuneka sisebenze iziqu zethu kakhulu kunakuqala, sohlukane nokulindela abantu babengabantu esifuna babengabo ngoba kwathina asinakuthanda xa sinokutshintshwa. Ininzi into ekufuneka umntu eyisebenzile ngesiqu sakhe kunoba abe exakeke kukutshintsha omnye umntu.

Ewe, abantu siyabaqhela, sikonwabele ukuphila nabo nokwenza izinto nabo kodwa sukulahlekelwa bubuwena kuyo yonke lo nto. Sele sinabantu abanendzondo nje kukulindela lukhulu kubo. Ezinye izinto asikwazi ukuzinqanda zingenzeki, umzekelo; umntu ubukade uqinisekile ukuba uyakwazi futhi uyakuthanda, awukwazi ukumnqanda angakuthandi xa lo ‘lekese benimuncisana ngayo seyiphelile’.

Endikutshoyo nje kukuba le nto ufuna yenziwe ngomnye umntu kuwe zenzele. Ukuba ulindele abantu bakuthande, zithande. Ukuba ulindele abantu bakwamkele, zamkele.

Ukuba ufuna umntu ozokuvisa kamandi, zivise kamandi, zikhuphe, zityise into ofuna ukuyitya hayi le yokwenzela omnye umntu uxanduva lokonwabisa ube ungakwazi ukuzonwabisa wena kuqala.

Masingafuni okanye silindele izinto ebantwini esingakwaziyo ukuzenzela. Izinga lokuphoxeka lingatsho lihle xa sinongalindeli lukhulu ebantwini. Yonke into iqala kuwe. Zazi, zithembe, zithande. Abantu abangazazyio benza nantoni, bamkela nantoni na kuba kaloku abazazi.

Xa sele uzazi ayikothusi into engekhoyo ethethwayo ngawe kuba kaloku uvele wazi nje uba ‘ayindim ke lowo’. Eyona nto ibalulekileyo yindlela ophendula ngayo kwezo zinto kuthiwa uzizo ube wena uzazi ukuba awusiyiyo kwalo nto, okanye ungaphenduli kwa ukuphendula. Nokungaphenduli yonke into ngelinye ixesha kuyimpendulo.

Ingxaki ke kukuba sichitha ixesha elininzi nabantu endaweni yokuba sichithe ixesha neziqu zethu sizifunde sidibane nabantu sele sizazi, sizicikide, sizazi.

Xa uzazi, kulula ukuphilisana nomnye omntu. Naxa ezi zimilo zimane zityhilwa kancinci kancinci ngabantu esiphila nabo zifika sele sisazi ukuba siphendula njani. Xa uzazi awutshintshwa zimeko. Masikhulisane!