Intswela-ngqesho eMpuma Koloni

INTSWELA ngqesho kwiphondo lweMpuma Koloni isephezulu kakhulu kunamanye amaphondo. Ingxelo yamva nje kwiinkcukacha-manani kweloMzantsi Afrika idize ukuba ngamashumi amane anesibini eepesente yabemi beliphondo abaswele ingqesho.

Ezinkcukaca manani zikwabonisa ukuba ehlile amanani abantu abaswele ingqesho kuzwelonke kwikota yesibini, neqale ngo Epreli walo nyaka ukuya kuJuni.

La manani asuke ku 29,6 weepesenti athi xhaxhe ku 29,1. Noxa kunjalo lamanani kulindeleke ukuba aphinde enyuke kulekota njengoko iinkampani zemigodi ziceba ukudiliza amawaka abasebenzi kwezinyanga zizayo.

Ikwa luluntu lwase Mpuma Koloni oluzakuthwaxwa ngamandla ludendo lwabasebenzi- mgodini, njengoko isininzi sabasebenzi mgodini ingabemi beliphondo.

Iqela eliphikisayo kuzwelonke, nakweliphondo iDA ithi iyaxhalabisa kakhulu intswela-ngqesho kweli. Ongumphathiswa wezemali xa ungalawula lo mbutho uDavid Maynier uhlabe ikhwelo kweli ngelithi malike libambe iingxoxo ngelikhangela isisombululo.

UMaynier uthe, “Sendibhalele kusomlomo wepalamente kuzwelonke uBaleka Mbethe phantsi kwesolotya 103 ndicela ukuba kubekho ingxoxo mpikiswano epalamente ngalomba.”

Nogxa wakhe okwiphondo leMpuma Koloni uBobby Stevenson uthe: “Ihlaba lentswela -ngqesho alivakali nje esiswini, lihlaba ezintliziyweni, lidlakaza isidima somntu.”

UStevenson uthe, isixeko iNelson Mandela Bay bekufanele ukuba siyinjini yoqoqosho kodwa sinentswela ngqesho efikelela kumashumi amathathu anesithathu eepesenti.

Uthe, abemi beliphondo bayakuyingcamla ngokupheleleyo inkululeko mhla kwaqhawula amatyanga obukhoboka bafumana amathuba emisebenzi.

Ugxeke urhulumente we-ANC ngelithi akaliqondi kakuhle uqoqosho kwaye oko kubonakaliswa ngumthetho olawula iincwadi zokundwendwela kweli nosele ulithwaxa kakhulu ukhenketho kubemi bangaphandle abafuna ukutyelela eMzantsi Afrika.

Kule mpelaveki, urhulumente waseMpuma Koloni ebedibene nolutsha kwisixeko saseBhayi apho bekuxoxwa ngeendlela zokudala imisebenzi kubantu abatsha.

Bamalunga namakhulu amabini anesihlanu (250) abantu abatsha abathe babayinxalenye nalendibano yaseBhayi.