‘Yithani xha ukungcwaba’

Abantu baseBhayi kwiindawo ezifana neMotherwell, balunyukiswe ukuba bakhe bathi xha ngokungcwaba, nanjengoko iimpuphuma kulo mmandla zenze kwamanzi kwiindawo ezinamadlaka.

Izandyondyho zemvula ezigqugqise iphondo leMpuma Koloni kule veki zidale ubumanzi kumadlaka aseMotherwell, eMatanzima, eGerald Smith, eKabah kunye naseMissionvale.

Isithethi somasipala ombaxa iNelson Mandela Bay uMthubanzi Mniki uthe, umlawuli weendawo zokungcwaba kulo masipala uyibeke esweni le meko, iintsapho nabahlali ebebelungiselela ukungcwaba kula madlaka achaphazelekayo zizokwaziswa xa imeko itshintshile.

Ethetha nephepha-ndaba I’solezwe lesiXhosa izolo, uTsietsi Mokonenyane, ongumlawuli weepaki namadlaka kumasipala waseNelson Mandela Bay uthi ebesele engcono amanzi kummandla waseMatanzima, logama bekuse kubi eMotherwell, eGerald Smith, eKabah naseMissionvale.

“Siza kuthi gqolo ukujonga umthamo wala manzi. Into ebanga ukuba sithi makungangcwatywa, kukuba asifuni ukuba abantu bangenwe zizifo. Xa kusina imvula kube kwelinye icala kusombiwa imingxuma yamadlaka, kubakho incindi yabantu abasele bebhubhile eye iphume apho emingxunyeni. Oko kungabangela izifo kwabo bantu bombayo,” utshilo uMokonenyane.