Uyazivuthulula kwakho uZahara

Kubonakala ngathi iphinde yazivuthulula kwakho intombi yasePhumlani, cebu kuhle eMonti emva kwezinto yinto ezimbi bezithande ukuyirhangqa kwezi nyanga ziphelileyo.

UBulelwa Zahara Mkutukana, nobephakathi kweendaba ezingancumisiyo noko kumaphephandaba, uvakala esemoyeni oxolileyo wokwenza oko adume ngako kwakhona. I’solezwe LesiXhosa lincokole no-Zahara limbuza ukuba kuyinene na ukuba ubuyele eStudio kusini na.

UMkutukana nobevakala echulumancile uthe: “Ewe, ndisebenza no-Bhut’Robbie Malinga kunye no-Chicco Twala kwicwecwe lam elizakuphuma kwinyanga ka-Agasti.”

Kaloku, ikwangulo Zahara mnye lo igama lakhe belithande ukutshaza kumajelo eendaba njengoneengxaki zotywala, nezikhokhelele kwiingxaki zobudlelwane bakhe no-Amaza Ntshanga ongumsasazi. Akukudala emva kokudula kweengxelo zokuba le mvumi ka-Loliwe ilahliwe nguNedbank njengobuso bayo, waze waqasha uMinnie Dlamini endaweni yakhe.Ngethuba lodliwano-ndlebe nathi kwisithuba seenyanga ezimbini eziphelileyo, uMkutukana wavuma ngokwenene ukuba ebekhe wazimela ngebhotile emva kokubulawa kabuhlungu komninawa wakhe kunyaka ophelileyo. UZahara ukwadize nokuba zikhona iimvumi zeli nezangaphandle asebenza nazo kweli cwecwe lakhe lisendleleni, kodwa akafunanga kuzibiza ngamagama okwangoku.

Silindile ukuva olo lizwi limnandi leMpuma Koloni, kuba sazi mhlophe ukuba azange lasiphoxa.