UZongo uzibophelele kwiPlatinum Stars

UMDLALI wasesiswini, uMasibuyisane Zongo, uzuze elinye ithuba lokuvuselela ikhondo lakhe lokudlala ibhola kumgangatho ophezulu emva kokutyikitywa yiPlatinum Stars.

UZongo utyikitye isivumelwano sengqesho neStars kanye emva kokuba edlale ngendlela encomekayo imidlalo yeMaize Cup ebibanjelwe eRustenburg kutshanje, tumente leyo yaphunyelelwa yiDikwena.

Kukula tumente apho lo kaZongo akhumbuze khona abantu abaninzi abalandela ibhola ngezinto awayezenza phambi kokuphambuka kwakhe endleleni kwiminyaka embalwa eyadlulayo.

Lo mdlali uneminyaka engamashumi amabini anesihlanu uza kudlala kwiPSL kwakhona emva kokudlala ngamathuba awanikwe ngamaqela afana neSuperSort United, Jomo Cosmos neChippa United kwiminyaka eliqela eyadlulayo.

Abantu abaninzi ebholeni bakholelwa ukuba abadlali abanesakhono esisulungeke njengesi sikaZongo banganendima abayidlalayo ekubuyiseleni abalandeli bebhola ebaleni.