Abafundi bakhala ngobuqhophololo

Kusamile kufunda nokufundisa kwisikolo sokuqeqesha oonogada i-African Command esizinze eLibode kulandela izityholo zobuqhophololo kwabasemagunyeni.

Le ngxaki iqale ngoMvulo wale veki ngethuba abafundi bengavumi ukungena kumagumbi okufundela bekhalazela ukunyanzeliswa ukuba bakhuphe imali yokuhlawulela indawo yokuhlala kunye nezifundo abazenzayo ntoleyo bayichaza njengekhabanayo nenkcukacha abazixelelwa ebutsheni balonyaka ngethuba beqala ukufunda.

Abafundi abachaphazelekileyo balinganiselwa kumashumi alithoba (90), nabafundela kwigumbi elinye elingenazixhobo zakufunda logama abanye befunda behleli ezifestileni zegumbi lokufunda ngenxa yokuphuphuma kwalo. Abafundi bekulindeleke benze izifundo benze uqeqesho lonyaka.

Iingxelo zithi abafundi kwathiwa mabahlawule imali ekwi-R750 emveni kwexeshana bengenile esikolweni bakukhala ngokungabikho kwemali kwathiwa mabahlawule imali ekwi-R150 abazakuyibuyiselwa kwakufakwa imali liqumrhu elincedisa amaziko aqeqesha abantu i-Sassetta (Safety and Security Sector Education and Training Authority) eMpuma Koloni.

Omnye wabafundi osengxakini nofunda kweli ziko uthe: “Ngethuba sizoqala ukufunda apha ekuqaleni kwalo nyaka kwathiwa sizofunda simahla kuba i-African Command ixhaswa nguSassetta, siye sothuka xa kuqalwa ukufuna imali yokuhlawula indawo yokuhlala kunye nabafundisi-ntsapho.”

“Singabafundi abangamashumi alithoba sisonke kodwa sisebenzisa iincwadi ezilishumi elinesihlanu (15) kuphela nazo zenziwe kwamasipala eNyandeni, akhange kuthengwe zincwadi ngumnini wesikolo,” utshilo lo mfundi.

Sithetha nje abafundi bangenele ugwayimbo kususela ngoMvulo wale veki benyanzelisa ukubuyiselwa imali yabo emveni kwengxelo ezithi esisikolo sizovalwa kungenjalo bazokhutshwa ngaphandle bona bangafuni kuhlawula imali kufakwe abantu abazovuma ukubhatala.

Abafundi bakhe babhenela emapoliseni nakumasipala waseNyandeni beyocela uncedo ngenyanga ka-Epreli kodwa ezonzame zange ziphumelele. Umfundi wesibini uchaze inzame abazenzileyo ngaphambi kokuthataha isigqibo sokufuna kubuyiswe imali yabo.

Umnini wesikolo uMzwanele Ngcama akaphumelelanga ukubuyela kwintatheli yeliphepha ndaba logama engayiphendulanga imiyalezo kanomyayi ebhalwe phantsi ebicela aphendule izityholo azityabekwa ngabafundi besikolo sakhe.

Usodolophu womasipala waseNyandeni uThoko sokhanyile uthe uyayiqala le ngxaki ngethuba eyibuzwa yintatheli yeliphepha ndaba logama abafundi besithi baphendulwa nguKhanyisa Mteza okule offisikasodolophu.