Ziyihambela kakuhle izinto iMamelodi Sundowns

Amalungiselelo eMamelodi Sundowns esizini entsha neza kuvulwa kwinyanga ezayo ahamba kakuhle kakhulu.

Eli qela lasePitoli liphumelele ngendlela encomekayo ngempelaveki emva kokuba lingombe i’Ajax Cape Town ngo’3-1 kumdlalo wamagqibela kankqoyi wendebe ye-e.tv Charity Showdown ebidlalwa ngempelaveki.

Amagowuli amabini afakwe yifolosi etshisa bhee, uCuthbert Malajila, elinye lifakwe ngu-Anthony Laffor – elokubika le-Ajax Cape Town lifakwe nguMario Booysen, umdlali weDowns ngempazamo.

Kule midlalo bekucaca nje ukuba kudlala iqela elinabadlali abakumgangatho ophezulu, abanomdlalo odibeneyo kwaye abazimisele ukwenza ezibukwayo kwisizini entsha eza kuvulwa ngokusesikweni kwinyanga ezayo.

Nangona uRoger De Sa ebefake abadlali abatsha, uninzi lwabo abasakhangela indawo kwiqela lakhe – yena iPitso Mosimane, umqeqeshi weSundowns ebefake iqela lakhe elomeleleyo kodwa bekukho nomdlali omtsha uMogakolodi Ngele kunye noBonginkosi Ntuli obedlalela AmaZulu athotyiselwe kwisizini edlulileyo.

Kwimidlalo yokuqala iDowns ibethe lula i-University of Pretoria ngo’2-0, neqela laseKapa, i-Ajax, idlule kwiJomo Cosmos esuka kwaNational First Division ngamagowuli afanayo.

Izinto zimhambela kakuhle mpela uPitso Mosimane, kangangokuba kwiveki ephelileyo iqela lakhe belityelele eZambia apho badlale namaqela afana neZasco United, Power Dynamos kunye neZenaco – kwaye kuyo yonke lo midlalo baqhube kakuhle kakhulu.

Ekupheleni kwesizini ka-2014/15, uPitso, watyityimbisela umnwe iKaizer Chiefs, iintshatsheli ze-Absa Premier Soccer League, ngelithi bangonwabi kuba uza kuyithatha kule sizini iza kuvulwa.

Lo nto ingenzeka kuba akukho badlali baninzi bamkileyo, okunye okubalulekileyo kukuba ngoku abadlali beDowns abaninzi maneminyaka emibini nangaphezulu bedlala bonke.

Iyodwa nje lo nto iza kuwenza lula umsebenzi wakhe umqeqeshi nakuba kusafuneka bevale indawo ka-Alje Schut phaya emva.