Iyitshaye isaqhuma iChippa United

Zisuka nje, iChippa United, ibonisile ukuba izimisele ukuqokelela abadlali abaza kuyinceda kwisizini ezayo. IiChilli Boys zibhengeze uGift Motupa njengomdlali wazo.

UMotupa uya kwiChippa ngemboleko kwaye uza kuhlala isizini enye kuyo.

Lo mdlali bekubolekiswe ngaye kwiBaroka FC – apho adlale kakuhle kakhulu wade wafaka namagowuli alithoba kwisizini edlulileyo. Ukufika kukaMotupa ingasisiqalo sabadlali abaliqela ekulindeleke bathengwe yiChippa United.

Nangona indawo yeChippa iqinisekisiwe kwisizini ezayo – kodwa kube khona ukuxhalaba pha naphaya ngenxa yendlela engancumisiyo edlale ngayo ngamanye amaxesha kwisizini edlulileyo.