Yindimange isibhedlele sakuKomani

UMkhuseli Mngqana olahlekileyo

Awukafumaneki umkhondo wengwevu yaseMdantsane uMkhuseli Mngqana (61) emva kokukhululwa sisibhedlele sabagula ngengqondo eKomani, waza waduka.

Othethe egameni leli khaya, uSindiswa Mngqana, uthi le ngwevu iduke emva kokuba esasibhedlele siyikhulule ngomhla wesixhenxe kule nyanga yaza ayafika ekhayeni layo.

“Umongikazi endithethe naye phaya uthi, bafumene umnxeba ngomhla wesine kule nyanga, esithi lo mntu ulilungu losapho, makakhululwe umalume, ngoMvulo umhla wesiXhenxe simkhulule isibhedlele, akakafiki ke kuthi ukusukela ngoko,” uthethe watsho uMngqana.

Le ngwevu ngenxa yokonganyelwa sisigulo sengqondo iqale ukungena kwesi sibhedlele saseKomani ngenyanga yoMsintsi kunyaka ophelileyo.

“Apha ekhayeni ndim umntu obehambela umalume, ndim owaziwayo phaya esibhedlele, ngoko ke andiyazi ukuba kutheni ekhululelwe emntwini ongaziwayo, ngubani lo ebetsalela umnxeba phaya, asikhathali esasibhedlele,” ukhalaze watsho uMngqana.

Uthi ngumongikazi okuthwa nguMatoti ocacise ngendlela emke ngayo le ngwevu kwesi sibhedlele.

“Lo mongikazi unguMatoti uthi lo mntu ebetsala umnxeba apha ubesithi ungumelwane, aphinde abe sisihlobo sekhaya, baza bamkhulula bemnike umqhubi wenqwelo yezigulana,” utsho uMngqana.

Ukanti umqhubi wenqwelo yezigulana kuthwa uyazikhupha kule ngxaki yokulahleka kwesi sigulana.

“Phaya esibhedlele ndinikwe umnxeba, bamtsalela umqhubi, waphendula wathi yena umshiye eMdantsane kwindawo ebilathwe ngumguli esithi likhaya lakhe,” utshilo uMngqana.

Lo mguli ulahlekileyo akazange aphangele ngaphambili, ngenxa yokukhathazwa yimpilo, akazange abenabo abantwana okanye usapho, itsho ingxelo.

Isibhedlele sabagula ngengqondo eBhofolo ekuqaleni kwalo nyaka silandelwe zizityholo zokukhupha ingxelo enganyanisekanga ngokubhubha kwabantu abagula ngengqondo kwesa sibhedlele.

Othethe egameni leSebe lezeMpilo eMpuma Koloni uSizwe Kupelo, uthi akukho nto igwenxa eyenziwe lisebe lakhe.

“Isibhedlele silandele zonke iindlela ezisemthethweni zokukhululwa komguli sisibhedlele xa enikezelwa kwikhaya, kutsalelwe umnxeba obhalwe kwiinkcukacha ezisemthethweni, ngokwengxelo yomqhubi ufike wehlika emotweni wabuyisa iimpahla zesibhedlele,” utshilo uKupelo.

Uthi kukho uphando olungxamileyo lokufumana indawo ekuyo le ndoda.

“Singaqinisekisa ukuba umguli uphantsi kogcino lwethu emva kokuba siye samkhangela, ngenxa yokuvela kwale ngxoxo ityhola isibhedlele, ukhuselekile kwakho umguli,” uthethe watsho uKupelo.

UMngqana uthi kukho indoda ethile ayikrokrela ukuba ingayiyo enokuba ithathe uMkhuseli Mngqana esibhedlele eKomani yamgcina, emva kokuba yoyiswe enkundleni.

“ULuvuyo Payi wathatha amakhadi kaMkhuseli wawagcina kuye esamkela imali yakhe, ndamsa enkundleni, inkundla yathi makabuyise imali yonke, kungenzeka ukuba nguye othathe lo mntu,” utshilo uMngqana.

Othethe egameni lamapolisa aseMdantsane uNkosikho Mzuku, uthi ngenene likho ityala elingene kwesa sikhululo malunga noku.

“Ityala esinalo apha lelokulahleka komntu oyindoda oneminyaka engamashumi amathandathu ananye,” utshilo uMzuku.

UPayi uzithethelele wathi kwezi zityholo.

“Aziyonyani ezi ngxelo, andazani nazo,” utshilo.