‘Masizingce ngeAfrika yethu’

Iindwalutho zihamba kwindlela iEsplanade eQuigney eMonti kusuku lweAfrika UMFANEKISO: UTHUNYELWE

UMphathiswa weSebe lezeMidlalo ubuGcisa neNkcubeko eMpuma Koloni uBulelwa Tunyiswa ukhuthaze isizwe esimnyama ukuba sizingce ngeAfrika, esithi xa kuhlonitshwana futhi kubanjisenwe, iAfrika iya kuntingela phezulu.


UTunyiswa ebethetha ngaseEastern Beach eMonti ngoLwesihlanu, apho iMpuma Koloni ibibhiyozela khona usuku lweAfrika, olwavela emva kwendibano yamazwe aseAfrika akhululekileyo awayebambe indibano eAddis Ababa eTopiya ngo1963.


Minyaka le, olu suku luya bhiyozelwa ngamazwe ayinxalenye neManyano yaseAfrika (African Union) ngeenjongo zokuphawula ngemiba edla umzi kweli zwekazi kuquka nezinto ekungabhiyozwa ngazo.

UTunyiswa uthe: “Masingalibali apho sivela khona. Izwekazi lethu iAfrika, lalicinezelwe kakhulu, ingakumbi apha ekhaya eMzantsi Afrika. Ngoku sikhululekile, kodwa kusekuninzi ekufanele sikwenze ukuqinisekisa intlalontle yomntu ontsundu eAfrika.”

UTunyiswa ubalule imidaniso, izinxibo, ingoma, izibongo, imithungo njengezinye zezinto ezichaza ncakasana ubuAfrika kubantu beli zwekazi, watsho esithi kufanele abantu bazingce ngoko.

“Masisebenzise imbali etyebileyo yethu ukuze kuxhamle abantu bakowethu ngayo. Ubuhle bendalo bufanele ukuxhamlisa uluntu lakowethu ngamathuba ezoqoqosho,” utshilo uTunyiswa.

Kulo msitho waseMonti, bekumenywe abemmi bamazwe aseAfrika abahlala apha eMzantsi Afrika, bebonisa ngeentlobo zenkcubeko yabo. La mazwe ebequka iNigeria, DRC, Burundi, Uganda, Rwanda namanye.