Iza kunikwa umngcwabo waseburhulumenteni iKumkanikazi

UMongameli Cyril Ramaphosa UMFANEKISO: ANA

IZA kunikwa umngcwabo waseburhulumenteni iKumkanikazi yamaMpondo uFikelephi Bongolwethu Ndamase eNyandeni eLibode. 


Le Kumkanikazi ibhubhe ngoLwesine umhla wesixhenxe kwisibhedlele iSt Marys eMthatha emva kwengulo engephi. 


Othethe egameni leofisi kaMongameli Cyril Ramaphosa, uKhuselwa Diko, wenze intetho eqinisekisa oku ngorhatya ngoLwesithathu egameni leofisi kaRamaphosa.


UFikelephi Bongolwethu Ndamase yintombi yeKumkani yesibini yesizwe samaSwati eSwazini, waza wazimanya ngeqhina lomtshato noMakaziwe Mabalengwe Ndamase ongunyana kaKumkani uTutor Nyangilizwe Ndamase.


“Iinkcukacha ezithe vetshe nokona kuza kwenzeka kuza kudizwa ngokucacileyo ngurhulumente wephondo leMpuma Koloni,” uthethe watsho uDiko. 


Kulindeleke ukuba zindandele ezantsi iiflegi kwizakhiwo zikarhulumente weMpuma Koloni de ingcwatywe ngoMgqibelo le Kumkanikazi.

 

“Olu hlobo lomngcwabo lunikwa abantu abakhethekileyo, ababodwa entlalweni, ngumongameli oye athathe isigqibo sokuba ngubani onikwa olu hlobo lo mngcwabo,” uthethe oko uDiko.


Igqiza leeNkosi zeMpuma Koloni liphelekwa ngusihlalo weNdlu yeeNkosi uNkosi Mwelo Nonkonyana, lityelele eli Komkhulu ngoLwesibini wale veki ngelinika imbeko.

Echaza le Kumkanikazi uNonkonyana, uthi isebenzile, incinci, emva kokushiywa kwayo ngumyeni wayo.  “Bumile nje ubuKumkani bamaMpondo eNyandeni kungenxa yakhe, ukhokele ebambele unyana wakhe uKumkani uNdamase Ndamase,” utshilo uNonkonyana.


Kulindeleke ubukho beeKumkani, iiNkosi neeNkosana ukunika imbeko kule Kumkanikazi yamaMpondo aseNyandeni. Akukho zinkcukacha zifumanekileyo kurhulumente wephondo malunga namalungiselelo alo mngcwabo.

 

“Thina sifumana isicelo kurhulumente wephondo ecela ukuba umntu othile anikwe umngcwabo waseburhulumenteni, umongameli athathe isigqibo ngoko,” utshilo uDiko. Umngcwabo wale Kumkanikazi uza kuqhutyelwa komkhulu eNyandeni apho kulele khona ooKumkani uVictor Poto Ndamase, ooTutor Nyangilizwe Ndamase nezinye izithwalandwe zakomkhulu kumaMpondo aseNyandeni.