Linqunyanyisiwe ityala lenkosikazi eyabulala isidlwengu!

Inkosikazi yelali yaseQhaga eQonce eyaxabela yabulala umfana onamashumi amathathu ubudala wale lali ngezembe wabhubha, ithi kuthe xibilili emva kokuba inkundla yamatyala eZwelitsha ithe yalinqumamisa ityala ebi jongene nalo lokubulala.

Ityala layo linqunyanyiswe ngomhla wamashumi amabini anesibini kwinyanga ephelileyo, nalapho athi alizange lixoxwe ngolu suku umtshutshisi wangena nje enkundleni walinqumamisa.

Ukuquqa ebuyelela kwiinkundla zamatyala uThozama Xhosa (50) kulandela emva kokuba wathi wazilwela emzini wakhe ngobunye ubusuku, apho kwafika ixhoba laqhekeza, langena endlwini yakhe emva kwemizuzwana uXhosa ecime isibane kwakunye nomabonakude.

“Ndamva egungquzisa ucango ndingekacimi zibane. Emva koko ndaphakama ndacima, caba wacinga ndiyoyika ndiyokulala. Wangena ndabe sele ndithatha izembe ebe likwigumbi langasese. Ndifike esekhitshini, ndagalela kabini ngezembe ndingabuzanga ndamva esithi ‘mama kaSiphiwe layita isibane sithethe’, zange ndimhoye ndaye ndaphinda ndagalela wabe eleqa efestileni ebengene ngayo.

“Ndiphinde ndagalela ngezembe, kodwa okwesine ndiqaphele ukuba izembe aliphumi ebusweni, ndaqaphela ukuba uyabhubha,” utshilo uXhosa.

UXhosa kusenzeka oku nje kuye ungusihlalo weqonga lamapolisa asekuhlaleni (CPF) kule ndawo. Wayesakuba lilo nejoni. UXhosa wadiza ukuba wayesoyikisela ubomi bakhe ukuze abe uyazilwela.

Olitshantliziyo kule lali uNolinda Xakayi, wadiza ukuba bengamakhosikazi kula mmandla sele belala benxibile yonke imihla ngelokuzikhusela. Uthi bave mnandi kakhulu ngokuchithwa kwetyala likaXhosa.

“Sivuyile singoomama kakhulu kuba singabona singcungcuthekayo ingakumbi abo bangenawo amadoda emizini yabo,” utshilo uXakayi.

UXhosa ebe sevele kathathu phambi kwenkundla yamatyala. Ukanti isiganeko esikumila kunje senzeka kwilali yaseSwartswater eLady Frere kunyaka ophelileyo, apho umama onamashumi amahlanu anesihlanu wahlaba amadoda amathathu awafika edlwengula intombi yakhe.

Apho kwathi kwabhubha umfana wamnye kwangoko, ababini basinda ngokubaleka. Umama lowo wabizwa ngegama lokuba ngu “Lion Mama.” Ityala awabekwa lona lokubulala laye lachithwa yinkundla yamatyala kuKomani.