Umgidi wakwaNtsundu ubunomahluko

Amatshwawe neentokazi zomxhentso zizonwabise ngengoma kumgidi wakwaNtsundu. Ngezantsi: Abatshakazi bakwaNtsundu nabelali behombele umgidi kwiveki ephelileyo

Amahashe aphalayo nahambayo aphuma kwiilali zaseMthatha naseNgcobo abalelwa phaya kumashumi amahlanu ebe yinxalenye yomgidi obumhle kakhulu futhi unomahluko kumzi wakwaNtsundu kwilali yakuNgcingane, eMthatha, kwiveki ephelileyo.

Usotheko, uMnu. Masithethe Mdibaniso, khange awuvale umlomo yimincili nexhala ngenxa yenyambalala yabantu ababe yinxalenye yomcimbi wokubuya kwamakhwenkwe esuthwini.

Eyona nto ethe yenza kohluka yinzolo ebithe tshitshilili, ingoma, imidyarho yamahashe nobukho bephephandaba labantu – I’solezwe lesiXhosa.

Umcimbi ubuhonjelwe ngesinxibo sakwaNtu – kanti nabo abatshakazi belali kwelabo icala bebeswenkile.

Amakhwenkwe akhutshwe ngoLwesine, yaze yangumgidi ngoLwesihlanu kwiveki ephelileyo.

Emva kwemini, uMdibaniso uthethe wenjenje neSolezwe: “Namhlanje bendinomgidi. Ndikhuphe amakhwenkwe izolo; umninawa wam nenkwenkwe kadade wethu. Umgidi wam ubumhle kakhulu, kangangokuba khange kubekho nomntu olwa nomnye apha. Ndiyibulele ke lo nto. Mna andikho apha emahashini. Ngumninawa wam uSiqwayi ohamba le nto yamahashe. Indlela andincede ngayo amahashe, lo mcimbi ubundoyisa – ndincedwa ngabantu bawo. Baze nezinto ezininzi ezisincedisileyo.”