Abaphumelele kukhuphiswano lweBuyel’Ekhaya

USiyasanga Zwakala ungomnye weemvumi eziza kucula kumsitho iBuyel Ekhaya ebanjwa qho ngonyaka eMonti

Abhengeziwe amagama eemvumi ezisixhenxe eziphuma kweli phondo leMpuma Koloni eziza kuthi zibe nenyweba yokuthabatha inxaxheba kumnyhadala omkhulu wolonwabo iBuyel’Ekhaya oqhuba rhoqo kwinyanga yoMnga eMonti.

Kuphumelele abasixhenxe kwinani elingapha kwamakhulu amane leemvumi ezazifake isicelo kolu khuphiswano.

Esi sixhenxe sithe sachongwa ziijaji emva kokuba sithe saziqaqambisa kwitalente yaso yokucula nokudanisa phambi kwezi jaji. Oku bekubanjelwe eECAVC eMonti, nto ethabathe iintsuku ezimbini kwiveki ephelileyo.

Abaphumeleleyo nguLungisile Mdunyelwa (Lush bytheway), DJ Natti, Siyasanga Zwakala (Koffie), Luthando Mahonono (Overcomers), Andascore, Pamela Jikwa kwakunye noDJ Masta Lona. UNothukela Mkalipi weqela iAndascore eMthatha elicula iHip-Hop, ethetha nephephandaba I’solezwe udize ukuba eli lithuba elikhulu kakhulu kubo kuba ukuthabatha inxaxheba kwiBuyel’Ekhaya yinto enkulu.

“Yinto ekwakukudala kakhulu siyinqwenela into yokucula kwiBuyel’Ekhaya kuba ngowona mnyhadala mkhulu apha ephondweni kwaye ohlonitshiweyo. Iphupha lethu lifezekile. Asikakholelwa ukuba sikhethwe kubantu abebe bangakayana,” utshilo Mkalipi.

Iqela iAndascore ngamagqiyazana amabini aseMthatha azanayo.

Ongumanejala weemvumi uSharif Baker, uthi aba baphumeleleyo baza kuqeqeshwa ngokohlobo amabacule ngalo nohlobo lokudanisa xa beseqongeni. Ukhuthaze abo bangaphumelelanga esithi ayithethi ukuba abakwazi kucula koko lukhuphiswano. Umseki nokwangumsunguli weBuyel’Ekhaya uHlubi Mazwai, uthi iphondo leMpuma Koloni nangona nje lingahambi kakuhle kwezemfundo kodwa lidumile ngokuba netalente.

“Eli phondo linetalente eninzi koko aba basakhulayo badinga nje ukuxhaswa kwanokukhuliswa babe kwinqanaba eliphezulu nabo. Kungoko ndibanika eli thuba. Ndikwazama nokubaguzula kwimikhwa yokusebenzisa iziyobisi,” utshilo uMazwai.