Inkokheli

Zinqabile iinkokheli kwimihla esikuyo, kugcwele abalawuli nabaphathi bona bakhokelisa okwalowo ubathumileyo.

Njengomthunywa, umphathi ufunjathiswa imiyalelo nemiqathango, ahlale kuyo angagungqi. Umlawuli okanye umphathi uva kamnandi kukubizwa ngesibizo esimchazayo ukuze azeke nakuthathatha ukuba nguye umphathiswa.

Inkokheli ayibekwa iyazalwa, ayityunjwa iyazityumba. Ayidingi kubizwa ngagama labuthunywa nakumiselwa miqathango yobuthunywa kuba ayithunywa iyazithuma.

Inkokheli ayidingi kumiselwa; abo ibakhokeleyo bayingqina ngaphandle kwamathandabuzo, bayithobele, bayithembe.

Enokuba ithe yamiselwa, yabizwa ngegama lobunkokheli, ayizigwagwisi kwaye ayikholiswa kukubizwa kuthiwe kuyo ‘nkosi’, koko ngabakhokelwa ngokwabo abathi bayiphakamise ze bayibize ‘nkosi’. Ubunkokheli abufundwa, umntu uzalwa nabo.

Inkokheli ayikhathelele kucengwa ngamibengo ukwenza umsebenzi wayo, koko isuka ngentumekelelo yenze oko imele kukwenza. Inkokheli yokwenene ayiphili ngamabhunga, umcimbi ngamnye iwuphatha ngokohlobo etyhilelwa ngalo.

Amabhunga kuyo ngawokwenza uvandlakanyo lokuqala namavikelantloko ukuze ifumane eyona nto imele kwenziwa yakuba iqubisene nomcimbi.

Kungade kube lihleli ibhunga, laza lamisa elikumisayo, kodwa lakufika ixesha lokuba yenze umsebenzi wayo inkokheli isuka yenze loo nto, kungakhathaliseki nokuba oko kungokwezimiso zebhunga okanye ngakumbi kusini na.

Izigqibo ezithathwa yinkokheli yokwenene iba zezayo hayi ezabantu abayingqongileyo, ukuze uxanduva lwemiphumela iluthathele kuyo ingagxeki abanye.

Izigqibo zenkokheli azisingisi kokona kukholisa uluntu koko zisingisa kokona kufanele uluntu, kungakhathaliseki nokuba luyakholwa na lona okanye alukholwa. Ngumphathi owenza intando yoluntu, hayi inkokheli.

Uluntu alusoloko luyazi into elifaneleyo, kwaye alusoloko luyahlula into oluyifunayo kuleyo luyidingayo. Inkokheli ke ikholo ukwahlulela abantu bayo phakathi kwezidingo neemfuno, ze ikhokelise izidingo ngaphezu kweemfuno.

Umzekelo womahluko phakathi kwemfuno nesidingo: ubani unokumangalela omnye kuba efuna kwenzeke okuthile kuye okanye kulowo ammangalelayo, kwaye oko kungenanto yakwenza nokudingekayo nokufanelekileyo.

Yinkosi ke ethi ikhangele ze igwebe njengoko kudingeka nanjengoko kufanelekile, ingakunanzile oko kufunwa ngummangali.

Inkokheli yokwenene ihamba ecaleni kwezisemva emhlambini wayo, hayi ecaleni kweziphambili; ngumphathi nomlawuli ohamba neziphambili.

Oku ukwenzela ukuqinisekisa ukuba umqokozo wokutsala uqine kuso sonke isipani sakhe, akukho zigoxileyo kungekho nezibulaleka ngokungafanelekanga kuzo.

Ngokwenjenjalo ukuphathisana kusebenza ngendlela egqibeleleyo, umsebenzi wabiwe ngokufanelekileyo njengoko ubani athi afanelwe ngako.

Inkokheli yokwenene iyalifunda ibandla elikhokeleyo, ilazi ngokugqibeleleyo, ilungiselele ulowo njengoko kumfanele. Imamela wonke ubani kwibandla, elowo imnike ithuba njengoko kumfanele.

Izigxeko nezonyeliso ayizibethi ngoyaba, ezivakalayo nezibubuhaya; izifumbatha esifubeni ikhangele ukuba ingathini na ukulungisa ukudala uzinzo emhlambini. Ngumphathi nomlawuli ohamba nabahambayo kwakunye nabangqinelana naye nabamthandayo, inkokheli yona ibathanda bonke kwaye ayakhi butshaba naye nabani na emhlambini.

Inkokheli yokwenene ayisoloko ixhalabele ukuhlamba igama layo kwizityholo nezigxeko ezifumanayo. Ayisoloko ikhangela ukuzithethelela nokuthethelelwa. Iyahlala, izinze, inonelele.

Yimisebenzi yayo eyithethelelayo ilungise neengqondo zabagxeki nabatyholi.

Naxa lithe lafika elo thuba lokuvela kweyona nyani nokuhlambeka kwegama layo, ayikhangeli kulungisa abo bebeyityhola beyigxeka.

Ihlala phakathi kwabagxeki bayo ngathi akuzange kwenzeka nto, izame kangangoko ukuthintela ukuba kungabuyi kuvele izityholo nezigxeko ezikwafana nezo.

Abagxeki nabatyholi bazilungela bengalungiswanga mntu, belungiswa yimisebenzi nezenzo.

Inkokheli yokwenene ilwelwa yimisebenzi yayo. Yimisebenzi yayo ethi izohlwaye izaphuselane zingabuyi ziphukaneke.

Inkokheli iyawanqanda amaphakathi akufuna ukuyilwela nokuyikhusela, ithembele kwimisebenzi yayo. Kazi zingaphi na ke iinkokeli? Goba msenge iibhokhwe zikutye!

Owenu kwisiXhosa, Nxuba.