Lubhityil’ ulonwabo lwamabhinqa

Ukuba libhinqa kwam akuthi ndiyingqongqo, Ukuzalelwa kweli lizwe akundenzi isidenge, Ukuzithanda kwam mandingenziwa isiyatha, Ukuzihlonipha kwam makungathathwa njengobutyhakala, Ibuyaphi le nto yokungahlonitshwa kwebhinqa? Imbeko enikwa ibhinqa ibhityile.

Ndibuza kuwe mnyatheli weli, Ndibuza kuwe mphambukeli kweli, Ndibuza kuwe mhambeli kweli, Ndibhekisa nakuwe nzalelwane yeli, Ngubani othi intlonipho ayimfanelanga umntu obhinqileyo? Intlonipho efunyanwa libhinqa icekethekile.

Ukungabi namali kwam akoxuthi sidima sam, Ububi bam abuniki namnye igunya lokukhwela ezehlela kum, Ubutyebi bam aboxuthi bubhinqa bam, Yonke into ndinayo ndiyisebenzele nzima, Ndingabamhle kanti ndifana nekhiwane, Ndingabi kanti intliziyo yam yeyengelosi, Endikucela kuluntu esiphila phakathi kwalo yintlonipho.

Ndiyintyatyambo edinga ukunkcenkceshelwa, Suka nindinyhukule nindibeke amabala, Ndingumthi otyaliweyo osivuno sinik’ithemba, Kodwa niyayityakatya niyidlavuze intliziyo yam ngezenzo ezigwenxa, Ndiliqhayiyakazi lesi sizwe, Kodwa akukho namnye ondithathela ingqalelo, Isono sam kukuba libhinqa.

Umsebenzi wam ndiwenza ngenkathalo, Kodwa akukho namnye ophosa izincomo, Umsebenzi wam ndiwenza ngokuzinikela, Kodwa akukho namnye owunik’ingqwalasela, Ingaba ndifela ukubalibhinqa? Okanye wabhubha engekazalwa uMakulingwane? Intetho yam iqondile kodwa bayayigqwetha, Andinalo nebatha kodwa bayandikwekwa, Xa ndithetha bayandigwexa bathi ndigwenxa, Ukuba ububhinqa bundenza ndibenezothe wayedalelweni uEfa? Eyona ntlungu kukuba utshaba lwam ndihlala nalo endlini.

Ndithini ukuze kubuye sidima somntu endinguye? Ndithini ukuze kubuye isithozela sebhinqa? Ndithini ukuze kuhlonitshwe umntu obhinqileyo? Qamata sinik’umqondiso saphela zizidlwengu, Mvelingqangi banik’ukhanyo kumnyam’ebusweni benkawu? Inkululeko kwibhinqa ayisekho, Kuxhaphake imbandezelo nentshutshiso