‘Masibizwe Cliffy Brown isikhululo saseMonti’

Isizwe samaKhoi-San eNelson Mandela Bay bamemelela iPort Elizabeth International Airport ithiywe ngoDavid Stuurman. UMFANEKISO: Raahil Sain/ANA

IiNkosi zohlanga lwamaKhoi namaSan zimemelela ukuba sibizwe ngoCliffy Brown isikhululo senqwelomoya saseMonti nanjengoko kuxoxwa kuzwelonke malunga noku. 


Ezi Nkosi zithi uCliffy Brown wayelijoni loMkhonto weSizwe elaqeqeshwa nguChris Hani, eyinzalelwane yedolophu yaseMonti.


Okhokele eli gqiza lezi Nkosi uCarman Daniels uthi uBrown liqhawe lesizwe samaKhoi namaSan esazinikela ukulwela inkululeko yeli.


“Wayengumfundi eJohn Basil apha eMonti, waza wayakuzimanya noMkhonto weSizwe esilwela inkululeko, ngoko sinqwenela ukuba anikwe imbeko naye njengabanye abalwele inkululeko, masithiywe ngaye esi sikhululo,” uthethe watsho uDaniel. 


Eli gqiza leeNkosi zamaKhoi namaSan bezizimase umbhiyozo wombutho weeNkosi iContralesa ePhumlani eMonti.


UBrown wabanjwa wavalelwa eThekwini ngenxa yenxaxheba yakhe kwimigushuzo eyahlukeneyo yoMkhonto weSizwe, wabhubhela ezandleni zamapolisa engcinezelo.


“Ngomhla wesithandathu kule yeSilimela sisifakile isiphakamiso sethu sokuba sithiywe ngaye esi sikhululo, sikwamemelela ukuba esaseBhayi sithiywe ngoDavid Stuurman,” utshilo uDaniels.


Uthi banethemba lenkxaso evela kumbutho weeNkosi iContralesa eMonti nakwiMpuma Koloni.

 

Urhulumente kazwelonke uvule inyoba yokuba uluntu luze ngaphambili namagama ekunokuthiywa ngawo izikhululo zeenqwelomoya eziquka esaseBhayi, Kapa, Monti, Kimberly nezinye. 


“Uluntu lwesizwe samaKhoi namaSan sidlale indima enkulu ukulwela inkululeko yoMzantsi Afrika nanjengabanikazi bokuqala belizwe loMzantsi Afrika,” uthethe watsho uDaniel.


Ukanti usihlalo weContralesa eMonti uNkosi Mthuthuzeli Makinana uthi ukuthiywa kwesi sikhululo ngumcimbi osafuna ingxoxo.


“Kumele ukuba singuContralesa simeme intlanganiso neKumkani ezamaXhosa kunye nezamaKhoi namaSan sixoxe banzi lo mcimbi wokuthiywa kwezi zikhululo,” uthethe watsho uMakinana. 


Uthi bona bebenesiphakamiso sokuba esi sikhululo sithiywe ngegama likaPhalo wesizwe samaXhosa ngelinika imbeko kumsebenzi wakhe wokulwela ilizwe. 


“Kwelethu icala sinombono wokuba esi sikhululo saseMonti sibizwe ngoPhalo njengonozala wesi sizwe samaXhosa, kodwa sikulungele ukuxoxa banzi ngalo mcimbi naye nabani ofuna oko,” utshilo.

 

Ingxoxo emalunga nokuthiywa kwesi khululo saseKapa yaphela kukubi kwinyanga ephelileyo emva kokuqava kokunganyamezelani phakathi kwabezopolitiko. 

Isizwe samaKhoi namaSan eKapa siphakamisa ukuba isikhululo seenqwelomoya saseKapa sithiywe ngenye yeenkokheli zabo.


UMphathiswa wezoThutho kuzwelonke uGqr uBlade Nzimande wangqina ukuba ngenene afakiwe amagama aquka igama likaWinnie Madikizela-Mandela, Albertina Sisulu kunye noRobert Sobukhwe.