Ayisekho intombi kaStella Sigcau!

LIZILILE iKomkhulu lamaMpondo aseQawukeni emva kokuvakala kweendaba zokuba akasekho uNombulelo Tshabalala oyintombi kaStella Sigcau.


Lo ngumntwana ekukuphela kwakhe oyintombi kaSigcau owamfumana kuthando lwakhe noRonald Tshabalala. 


UStella yena yintombi kaNkosi Botha Sigcau wamaMpondo aseQawukeni ezalwa noNtsikayezwe  kunye noMpondombini. 


UNombulelo ebengumthandi wenkonzo ekwangusomashishini ophume izandla.


Umnakwabo ekukuphela kwakhe uLesley Tshabalala uthi ngenene balahlekelwe belusapho lakwaTshabalala.


“Ebethanda usapho lwakhe ngokubanzi, inkonzo, ushishino, esoloko esebenzela iNkosi. Akagulanga koko kumqubule ukufa,” uthethe watsho uTshabalala.


Unina uStella Sigcau wasebenza njengoMphathiswa weMisebenzi yoLuntu phantsi korhulumente kaNelson Mandela emva kokusebenza kurhulumente waseTranskei.

 

“Siza kuba simngcwaba ngomhla wesixhenxe kule nyanga ePitoli apho ebehlala ekwasebenza khona. Ushiya ngasemva abantwana abane, nam ke nje ngomnakwabo,”  kutsho uTshabalala. 


Egameni lesizwe samaMpondo, uStella Sigcau uthi ngenene yilahleko emandla ukushiywa kwabo ngumzala wabo. 


“UBuli ebe lithemba kuthi sonke siliKomkhulu. Umama wakhe  (uStella [omkhulu]) wandinika igama lakhe ukuzalwa kwam, kuba engudade botata wam, sibuhlungu ukushiywa nguye,” utshilo uSigcau. 


Oku kulandela nje emva kokuba isizwe samaMpondo sisandula kujamelana nomphanga wokushiywa yiKumkanikazi yesizwe samaMpondo aseQawukeni uBongolwethu Ndamase. 


“Iinkcukacha zomngcwabo siza kuzikhupha nje emva kokuba sidibene nawo onke amalungu ekhaya ukuze sikhombe indlela ebheka phambili,” utsho uTshabalala.