Aningcwabi niyadyiwaza!

KuLwesine weveki ephelileyo, umhla ngowama-21 kule nyanga yeSilimela, ndibe nethamsanqa lokuya kuxhasa ugxa wam, into kaGrant xa bekungcwatywa umama wayo kumhlaba waseMalmesbury kude kufuphi nesixeko saseKapa.

Iinkcubeko kwanezithethe endizibone apho andinakuze ndizilibale. Indlela oluxhasana ngayo uhlanga lwasemzini xa lungcwaba indenze ndanemibuzo emininzi, ingakumbi ngokuphathelele kwindlela angasaxhasani ngayo amaXhosa anamhlanje.

Ukufika kwam kuloo nkonzo yomngcwabo kwisakhiwo setyalike yamaTshetshi, ndothuswe yindlela uhlanga lwasemzini olungachithi xesha ngayo, kuba izithethi zibe zithathu kuphela.

Ibe ngumyeni walo mama, umntwana wakhe kunye nomfundisi oye wenza intshumayelo ethabathe imizuzu esisiqingatha seyure kuphela.

Ngenxa yobufutshane benkqubo yalo mngcwabo, akubangakho mfuneko yakunikezwa kwabantu iziqhamo namanzi athengiswayo.

Ngokongiwa kwexesha nje, kuphela kusongiwa nemali ebiza kusetyenziswa ekuthengeni iziqhamo namanzi eziye zinikwe abantu xa kungcwatywa.

Ekuvalweni kwayo ngomthandazo loo nkonzo, umfundisi uye wenza isaziso esisuka kusapho, saziso eso besigunyazisa sonke thina baze kuzimasa ukuba emva kokwenziwa kofefe, maze singene kwiholo lecawa elikwalapha kumhlaba wale cawa.

Iinjongo zokuya kwelo holo umfundisi uzichaze ngokuba kuyiwa kufunyanwa isidlo namanzi okuthoba unxano. Eneneni ke inkonzo ivaliwe, emva koko kwayiwa kwelo holo lesidlo. Into endiyibone apho andinakuze ndiyilibale.

Sifike kukho iitafile ezintathu, phezu kwazo ingamacangci amane ahonjisiweyo. Icangci ngalinye linesidlo esithile nesidliwa ngokusetyenziswa kweminwe nezandla kuphela.

Xa bendibuza apha kumfo kaGrant malunga namaxabiso ezi zidlo, uchaze ngelithi, icangci ngalinye lixabisa malunga namakhulu amathathu.

Oku kuthethe ukuba usapho luchithe imali emalunga namawaka angama-R1 200 kuphela ekutyeni.

Xa uthelekisa nemali yokutya echithwa sithi mz`ontsundu xa singcwaba izizalwane nezalamane, uya kuqwalasela ukuba ezi zizwe zinenani elivisayo lezinhanha, zichitha imali encinci kakhulu xa zingcwaba.

Kuthe ngeli lixa kutyiwa ezo zidlo zityiwa ngezandla, kungene amanenekazi akhonza kunye nalowo uphantsi kwelifu elimnyama, inenekazi ngalinye lithe qhiwu uhlobo oluthile lokutya ekuza kukwabelanwa ngako kuloo nkonzo yokuthi tutwini kusapho olo lunomphanga.

Abanye bebengena bephethe iziselo ezifana nejinjara; abanye bethe qhiwu imibhako; abanye bephethe amaqebengwana; kanti abanye bebengena bephethe inyama eyojiweyo.

Konke oko kutya kusiwa kula malungu osapho oluzilileyo. Kuye kuthathwe konke oku kutya, kuphakelwe bonke abo beze kunika imbeko yokugqibela kulowo usutywe kukufa.

Okona kundenze ndanomdla ngale meko, kukufumanisa ukuba olu sapho luphantsi kwelifu, lona aluzixakekisi ngokuthenga izinto zokutya ezininzi, kuba kaloku amanina eza nako konke okudingekayo, ukuze kuxhaswe olu sapho luphantsi kwelifu.

Sazi sonke ke mabandl’akowethu ukuba xa ingavuselelwa le ndlela yokuxhasana nokuqumana imihlana xa kungcwatywa, umzi unganethamsanqa lokonga imali ngokungathethekiyo.

Ukonga ke kungathi ukuze kuphunyezwe siyeke ukwenza inkcitho engafunekiyo xa singcwaba izizalwane nezalamane zethu.

Inkcitho kuthi iqala kwangosuku lokuqala umntu ebhubhile, ufike kusiziwa kukhunga olo sapho luzilileyo ukusukela ngentseni ukuya ngokuhlwa.

Abo beze kukhunga kuye kulindeleke ukuba baphungiswe kwaye batyiswe.

Okwesibini thina sinomkhwa wokugcina izidumbu kwimikhenkce yabangcwabi, oku sikwenza sisazi ukuba imali yomkhenkce ingaphaya kokuqonda.

Okwesithathu phambi komngcwabo iintsapho ezingcwabayo ziphuma ngendlu kusiyiwa kuthengwa impahla enamagama amakhulu nexabisa kakhulu, iphele nale mingcwabo isiba lukhuphiswano ngezinxibo neenkangeleko.

Andisathethi ke ngokutya nenyama neziselo ezisetyenziswa kwisidlo esisemva komngcwabo. Kuninzi lwamakhaya endikhe ndaqwalasela kuwo le meko, andifumenanga nalunye usapho oluchitha ngaphantsi kwamawaka angama-R15 000 ekutyeni kuphela.

Khawufane ucinge xa bekunokubuyelwa kundalashe, abantu banikwe iinkobe, umongimali kunye namarostile, isonka samanzi okanye umbhako, ingangakanani imali ebinokongiwa ukuze incede ekuphuhliseni uqoqosho lwezo ntsapho zingcwabayo!

Uhlanga lwasemzini luya kuhlala lumile kwaye luzinzile kunathi ngoqoqosho, kuba lona luyilumkele kakhulu inkcithamali engeyomfuneko emingcwabeni.

Kule mizi yasemzini, umntu akagcinwa xesha lide emikhenkceni, kungcwatywa emva kweentsuku ezimbini kumaxa amaninzi, akungcwatywa ngazibhokisi zidulu, akuthengwa mpahla yosuku lomngcwabo, kwaye emingcwabeni kutyiwa amaqebengwana nezonkana, nazo eziza njengesipho kolo sapho lungcwabayo.

Linye mawethu, yekani ukutyebisa imizi yabangcwabi ngokuzigcina izidumbu zabo basanduleleyo, yekani ukuthenga iimpahla zikanokutsho nokutya okuninzi okungeyomfuneko xa ningcwaba, yekani ezi bhokisindini zidulu nikhuphisana ngazo, ukuze iintsana zethu zifunde ukonga kwaye olwazo uqoqosho luzinze kungenjalo luhlume.