Isingqi sethemba nesingqi seAfrika kwicwecwe likaNwabisa

Nwabisa MxakathO

ISINGQI seAfrika, amazwi wenkuthazo – zezona zinto zifumanekayo kwicwecwe likaNwabisa Mxakatho elithi ‘Iphupho Lam.”

Eli cwecwe, nelineengoma ezilishumi elinesithathu, sele lifumaneka kwiivenkile zomculo kuzwelonke.

Exelela I’solezwe kudliwanondlebe, uNwabisa udize ukuba isingqi sakhe sakhuthazwa ligqala lomngqungqo elingasekhoyo uMiriam Makeba.

“Icwecwe lam linesingqi sasekhaya nenkuthazo, ndifumene inkuthazo kuMam’ uMiriam Makeba.”

UNwabisa ucula umculo weAfroSoul kwaye uthi uyawuthanda lo mhlobo womculo kuba umnceda anabe njengomqambi.

“Ukuba ndifuna ukwenza umngqungqo ndiyakwazi, ukuba ndifuna ingoma yothando ndiyakwazi, nokuba yeyomjuxuzo ndiyakwazi ukuyenza.”

Uthi ngomculo wakhe ukwafuna abawumameleyo bangalahli ithemba

“Ngokuba nam ndisuka ebunzimeni, ndifuna abantu bangaphelelwa lithemba,” utshilo.

UNwabisa uthi kudala eyimvumi, kodwa ukwenze oku ngokusesikweni ngo2010.

Icwecwe lakhe elingolwimi lwesiXhosa nesiZulu lineengoma ezifana noUkuthula, Iphupho, Thuma Mina, Morning Joy, Diamonds, Mama, Long walk, Ilahleko nezinye.

Eli gqiyazana laseMthatha, elinama31 eminyaka, liyawuthanda umculo kwaye likwafuna ukubona utshintsha abantu.

“Ndibhala ngamava am obomi. Ndaphulukana nabazali, ukubhala nokucula kum kuliyeza kwaye kuzisa ithemba.”

Abanomdla wokuncokola naye bangamlandela kwiTwitter: @Nwabisa_KM okanye kwi-Instragram: NwabisaKM nakwiFacebook: Nwabisa.

Onqwenela ukumbiza angaqhagamshelana nenombolo engu: 063 156 0213 kungenjalo uthumele umyalezo kwiemail engu: Nwabisa@wisdomentertainment.co.za