Oonoteksi bohlulwa yintoni?

Masiyithethe inyaniso mhlobo wam, amapolisa kunye norhulumente ngokubanzi kudala baxakwa kukuba bangawusingatha njani umcimbi wokubulalana koonoteksi xa kufikelele ixesha lokungavani kwabo.

Noko andimdalanga kangako kodwa udushe loonoteksi endazibula ngalo kwakungonyaka ka1995 eBhayi.

Kukambalwa mna ndisiva ukuba kubanjwe kwaye kwagwetywa abaphembeleli, abenzi, nababulali xa kukho udushe lwabanini nabaqhubi bezi zithuthi.

Mna ndedwa lo nto ke indixelela ukuba ingalo yomthetho yooyiswa kudala leli candelo lezithuthi zikawonkewonke.

Kudala ke ezi ngwenya zibulalana, qha ke eyona nto iba buhlungu xa aba bafo bexabana ngezabo kukuba badubulana bekhona nabakhweli, ithi lo nto lininzi igazi eliphalale lingenatyala.

Ibiyimeko engenachiza le kwade kwafika lo ukhoyo ngoku umphathiswa wenkonzo yesipolisa kuzwelonke, utata uBheki Cele.

UNdosi usibonisile ubunkokheli bokwenene ngokuza nechiza elenze kwanyaba wonke umntu ongumnini nongumqhubi wesithuthi sikawonkewonke.

Apho imbi khona yonke le nto kukuba ke nabasebenzisi bezi nkonzo, abakhweli ukutsho, nabo bangena kuxinizelelo olumandla xa kusolulwa le genge yeeteksi.

Ndiyasithanda mna isikhokelo salo mfo wakwaCele sokuba xa ooNoteksi besenza udurubhentsu babethwe apho kuza kuba buhlungu khona, ezipokothweni, ngokuthi akhuphe umthetho wokuba zivalwe zonke izikhululo zeeteksi kunye nemizila yazo xa bengeva kunqandwa.

Ewe le nto ibakatsa kabuhlungu abakhweli ngokuba kuba nzima ukuya kwiindawo abaxelenga kuzo, nabantwana kumaziko emfundo abafunda kuwo.

Bendiyibukele le meko ibuhlungu kwisixeko saseMthatha, iyintsokolo kubakhweli bebopha amaxonya ukuzama ukufika kwezo ndawo bekudingeka baye kuzo.

Bendicinga ke mna ukuba abanye oonoteksi baza kufunda isifundo kula meko ibikhe yajongana noogxa babo eMthatha, kuthe kanti akunjalo.

Kule veki besikhe sava ukuba pha kwela Kapa lodumo lukhona udushe loonoteksi oluvundayo, ndimthandile ke uNdosi nabasabenzisana naye ngokukhawuleza ukuyisabela le nto.

Kuthe kusaqhuma isibham sokuqala kwabe sekukhutshwa umpomposho wokuba kukho iirenki ezinukiselwa kukuvalwa ukuba oonoteksi ababuyeki obu buyatha babo.

Noko ngoku kuthe zole cwaka ngokuba akukho mntu ufuna ukulahlekelwa yimali ngokuba onke amaxabiso ezinto ayenyuka ngoku.

Kakade oonoteksi bebesoyiswa yintoni ukuba bahlale phantsi, le mibutho yabo ithethathethane ngokunesidima?

Noko kudala ngoku abanini nabaqhubi bezi zithuthi becinga kwaye besenza izinto oku ingathi bona bakhulu kunomthetho, nathi sidikiwe kukufa kwabantu kunganyanzelekanga, kudala singcwaba ngoku kwanele.

Mhlawumbi enye yezinto ebezisenza ukuba ibenguvula zibhuqe kukuba abanye babanini bezi nqwelo bakwinkonzo yesipolisa, yenze lo nto mhlawumbi kube lula ukuba lo mcimbi ubethwe ngoyaba?

Nokuba ibiyintoni na ebisenza ukuba ingalo yomthetho ingabiqatha koonoteksi, noko ngoku ndiyavuya xa ikhona into eyenziwayo ukuzama ukubatyhafisa ukuba babulalane.

Qhuba Bheki Cele, qhuba Ndosi, Nombendu, Dubandlela, Khumbuza, isizwe siyabulela!