Iincwadi eziya kuMhleli

Abahlali nabasebenzi wofika betshisa izakhiwo abazisebenzisayo, abanye bechithelana ngelindle, hayi khona sizwe sakuthi kutheni singahlali phantsi sibonisane ngesisombululo kuba silapha phakathi kwethu. Umzekelo apha kule wadi yethu izindlu ezazifanele ukwakhiwa ngo1996 sazimisa ‘bhungxe’ kude kususwe ikontraka kaMnu Nelson Maqwazima eyayibizwa * (opd) kuba sayazi okokuba yiBogus Contractor.

Masimbulele uMnu Gugile Nkwinti noLindiwe Sisulu kodwa namhlanje kuvela oozisu- zibomvana. Okwesibini, apha eBCM qho xa kuza kungena imali ngoCanzibe wofika kugcwalise ii “tender” zokuthutha inkunkuma, ilindle, amanzi, umbane kwanezokucoca.

Umbuzo omawuzibuze wona: zezobani, zifakwe ngubani ngaphakathi kwaye ziphi iiShopstewards zabasebenzi? Makube nazo zi “captured” ngoosopolitiki neemanejala?

– Mnu. DM Sigonyela (ward25 watch dog)

THUMELA EYAKHO INCWADI EYA KUMHLELI KU -063 743 9538 NGO-WHATSAPP OKANYE NGE-SMS