Ugwetywe ubomi unosimokolo owabulala umfazi wakhe!

EKAPA: UGWETYWE ubomi ejele unosimokolo owaziwayo waseGugulethu emva kokuba efunyaniswe enetyala lokubulala umfazi wakhe owamdubula amatyeli alishumi elinanye emzimbeni nakahlanu entloko.

UThembile “Morris” Vokozela, 52, waseNY56 eGugulethu ugwetyelwe ukubulala uRegina Vokozela, 42. Umzimba kaRegina wafunyanwa ulele tywa phezu kweempahla kwikhaya labo eNY48 kweyoMnga ngo2013.

Uxilongo lwafumanisa ukuba wadutyulwa izihlandlo ezilishumi elinanye emzimbeni nakahlanu entloko ngeentlobo ezimbini zemipu eyahlukeneyo.

Iwisa isigwebo, iJaji yeNkundla ePhakamileyo uDeidre Kusevitsky, uthe izenzo zikaVokozela zohlutha abantwana babo abathathu abaneminyaka ephakathi kwe15 nengama29 ithuba lokuchitha ubomi babo nomama wabo.

Inkundla ifumanise ukuba uRegina wafaka isicelo sokhuseleko ngakuVokozela kwiiveki ezintathu phambi kokuba abhubhe. Ikwafumanise ukuba uRegina wamangalela uVokozela emva kokuba wambetha. Wabanjwa waze wakhululwa ngebheyile yeR5 00 kwangalo mini.

Ingxelo yamapolisa ibonakalise ukuba uRegina wabethwa ngenqindi ebusweni, wakhatywa endlebeni, waze wakrwitshwa ithuba elide.

UKusevitsky uthe: “Olo hlaselo lwalulubi kwaye lukhohlakele. Lwenzeka abantwana bebukele kuhlazwa umama wabo. Kwiiveki ezintathu ezilandelayo wabulawa.  Wabhubhela endlwini yakhe. Wena wacoca loo ndawo yobundlobongela, wade wafihla nompu wesibini ongekho mthethweni.”

Umama kaRegina, uGrace Gontsi, uthe uyavuya xa uVokozela egwetywe ubomi ejele nanjengoko wabulala umntwana wakhe wokugqibela obephila. “Andinabantwana ngoku ngenxa yakhe. URegina ibikukuphela komntwana ebephila. Wabulawa ngumntu obefanele ukumkhusela. Naye makafele ejele,” utshilo.