Sanukwenza isigqezu ngomhla kaMandela

Kulo nyaka, abantu boMzantsi Afrika nehlabathi lonke babhiyozele iminyaka elikhulu yokuzalwa kwesiswenye somzabalazo nomongameli wokuqala omnyama – uNelson Rholihlahla Mandela.

Nakubeni iminyaka seyiliqela walishiyayo eli limagad’ahlabayo – kodwa iinkokheli zehlabathi zathiya umhla wakhe wokuzalwa njengeMandela Day – usuku ekukhuthazwa abantu ukuba benze nokuba yintoni enokuthi iguqule ubomi babantu, ingakumbi abatsala nzima.

Eli khwelo liyasatyelwa kakhulu ngabantu belizwe phantse bonke. Ubuntu obenziwa ngabantu ngomhla kaMandela buyancomeka kakhulu.

Ukuncedwa kwabantu abasweleyo yinto ekufanele siyenza yonke imihla – lo nto ichulumancisa kakhulu uDalibhunga kwindawo aphumle kuyo.

Umkhwa othande ukukhula ofuna ukunqandwa kusekutsha sisigqezu xa kuncedwa abantu abahluphekileyo.

Ngoku kuxhaphakile ukubona abantu abatyebileyo besiya kwiindawo ezinabantu abahluphekileyo. Injongo ibe ikukupha abantwana abangamantombazana aselula imiqamelo yangaphantsi (pads) enceda xa besexesheni. Xa bephiwa izinto baye banyanzelwe ukuba mabathi qhiwu ezi zinto baziphiweyo, bafotwe kube njeya.

Lo nto bayenza abantu kuba befuna baziwe ukuba bancede abantu. Kuko konke okuhle esikwenzayo – kodwa abantu abanezinto mabangaphakamisi amagama wabo ngentlupheko yabanye abantu.

Akukho mfuneko yokwazisa umhlaba wonke xa uthe wanceda umntu ngoba ukunceda omnye umntu, yinto echaza ngqo ubuntu bethu. Masincedeni abantu yonke imihla futhi kungabhencwa intlupheko yabantu bakuthi.

Lo nto ayithi abantu mabayeke ukunceda abantu; esizama ukuthetha kukuthi yonke into singayenza singakhange sibonise ilizwe ukuba abantu abathile bahlelelekile.

Siliphepha sifumene izimemo ezingaphaya kwamashumi amahlanu ngalo mhla kaMandela; asikwazanga ukuya kuzo zonke iinkqubo. Bambi bebephisa ngezihlangu, bephisa ngezitulo ezinamavili, kupeyintwa izakhiwo, kubethwa imali inikezelwa kumakhaya eenkedama, njalo njalo.

Siyathemba ukuba anisayi kukhubeka kakhulu xa singakwazanga ukuza kuzo zonke.