Malema: IWhoonga ayidibani namanzi

Inkokheli yeEFF uJulius Malema ekunye namanye amalungu alo mbutho eSisa Dukashe Stadium eMdantsane UMFANEKISO: ABONGILE GINYA

XA ubani esebenzisa isiyobisi iWhoonga, lo nto ithetha ukuba uyawoyika amanzi – akahlambi – into engafunwayo yiEFF.


“KwiEFF sifuna imbeko nocwangco ukuze silungele ukukhokela urhulumente. Amanxila asiwafuni. Abo babetyalwe ukuze badungadunge lo mbutho sele sabagxotha. Abasatshayi neNyaope, batshaya iWhoonga futhi bayawoyika amanzi (abahlambi),” itshilo inkokeli yeEFF uJulius Malema ethetha nabaxhasi kwanabalandeli balo mbutho eSisa Dukashe Stadium, eMdantsane, ngoMgqibelo.


Ngamawaka ngamawaka eEFF athe abuthelana kweli bala ukuza kubhiyozela iminyaka emihlanu wasekwayo lo mbutho.


UMalema uthi iEFF ngumbutho oza kungena kurhulumente kunyaka ozayo, ethanda engathandi ubani, nokuba zinjani iziphumo zonyulo.


“Singumbutho oza kuba seburhulumenteni, nokuba uthini umntu. Nokuba senza urhulumente wenkazathi okanye senza kanjani kodwa siza kube sikurhulumente kunyaka ozayo,” utshilo uMalema.


Uyalele amalungu alo mbutho ukuba asebenze nzima, eqinisekisa ukuba wonke umzi kweli lizwe ufumana ivoti yeEFF.


UMalema ukwakhwele ezehlela kumasipala waseBuffalo City esithi ugcwele abarhwaphilizi kwanamagosa “afuna ukulala namakhosikazi aselula ukuze awaqashe.”


“Ixabiso lokuthenga umbane lixhome kakhulu eBuffalo City kuba lo masipala ufuna ukunyusa ingxowamali yekhabatiso lobuMetro [umasipala ombaxa]. Phantsi kweEFF, abantu abarhola indodla baza kufumana umbane namanzi asimahla,” kuthembisa uMalema.


UMongameli weUDM uBantu Holomisa obe zimase lo msitho, uqhwabele izandla iEFF, esithi ukufika kwayo kuyitshintshile ipolitiki yeli.