Ubhiyozele umhla wokuzalwa esibhedlele uSobukhwe

UZondeni Sobukwe nonyana wakhe uDini Sobukwe kunye nabasebenzi basesibhedlele kulo nyaka uphelileyo ngethuba ephuma esibhedlele eMidlands Hospital eRhafu UMFANEKISO: SIYANDA JANTJIES

UZONDENI Sobukhwe oyinkosikazi kaNjingalwazi  Robert Mangaliso Sobukhwe, ubhiyozele umhla wokuzalwa kwakhe elele ngandletyananye kwisibhedlele iMidland eRhafu. 


Ingxelo yekhaya lakwaSobukhwe,  ithi le ngwevukazi eminyaka ingamashumi alithoba ananye ingene esibhedlele kwiveki ephelileyo ngenxa yokungabinamandla. 


Intombi kaSobukhwe engumafungwashe, uMiliswa Sobukhwe,  uthi mdala umama wakhe. 


“Ukugula kwakhe sele kuhamba nobudala, kuba nangoku uthe akufika esibhedlele wafumana uncedo waphinda wanamandla kwakhona, ayikho eyona nto icacileyo ichazwa ngoogqirha,” ucacise watsho uMilisa. 


Esona sipho simvuyise kakhulu umama uSobukhwe kukuhanjelwa ngamagqala kaPoqo elandelelana kwikhaya lakhe eRhafu. 


“Kule veki iphelileyo phambi kokuba angene esibhedlele ebehanjelwe ngutata uJohnson Mlambo ehamba nosapho lwakhe, uvuye kakhulu emva koko,” utsho uMilisa.


UJohnson Mlambo uchithe iveki yonke kwikhaya lakwaSobukhwe. Lo kaMlambo yenye yamadoda achithe iminyaka engaphezu kweshumi eRoben Island eKapa.

 

Ngentsasa yayizolo,  uMam’  uZondeni  wothuswe kukubona igqala likaPoqo uMpolose Mangqangwana engena kwingumbi lakhe esibhedlele. Ecacisa ngotyelelo lwakhe uMangqangwana uthe. 


“Lo ngumama wokugqibela esisele naye kubantu abasifundisa ngePAC  ngethuba sivalelwe eRoben Island, ngomnye obe sihambela phaya esixelela izinto eziqhubeka apha ngaphandle kwentolongo,” utshilo uMangqangwana. 


Bengavumi ukuba athethe abantwana bakhe,  umama uSobukhwe ukuphikisile oku. 


“Ngabantwana bakaMangi aba, ngoko ke ngabantwana bam ooMangqangwana aba, andizange ndibenawo umhla wokuzalwa ofana nalo, ndiyabulela kubo bonke, ngento yonke,” uthethe watsho uMam’ uZondeni. 


Uthi ukruqukile zipilisi neenaliti zasesibhedlele.


 UMam’ uSobukhwe unikwe enye yeembasa eziphezulu kurhulumente weli ekunye neJaji edla umhlalaphantsi uDikgang Moseneke, oku kusemva kokuba ulutsha lwePAC lanyanzelisa ukuba igama lakhe liqwalaselwe.

 

Igqalakazi leAPLA, uSombu Majola-Tshabalala ube phakathi kwabo bebephahle uZondeni Sobukhwe phezu kwebhedi yakhe kwisibhedlele iMidlands eRhafu.


Le nkosikazi yazimanya ngeqhina lomtshato noNjingalwazi uMangaliso Sobukhwe emva kokuba bathi badibana eDikeni ngeminyaka yoo1940. Balizwa ngabantwana abaquka uMilisa, Dinilesizwe, amawele uDedani noDalindyebo emtshatweni wabo.