Ibuyele koonomathotholo beSABC ibhola ekhatywayo!

Ibuyele koonomathotholo ibhola ekhatywayo ngokusesikweni emva kokuba iSABC nePSL zingakwazanga ukuvumelana phambi kokuqala kwesizini entsha.

Abalandeli bebhola bavakalise ukukhathazeka kwabo kumakhasi onxibelelwano emva kokuba imidlalo yokuqala ingasasazwanga koonomathotholo bakaSABC ngempelaveki egqithileyo.

UMphathiswa wezeMidlalo uTokozile Xasa, nowezoNxibelelwano uNomvula Mokonyane, badibene nabaphathi bePSL neSABC ngoMvulo kwintlanganiso ekuthathwe isigqibo sokubuyisela imidlalo koonomathotholo.

“Sigqibe kwelokuba imidlalo ibuyele koonomathotholo. Imidlalo iza kusasazwa ukusukela ngomso,” utshilo uMphathiswa kwincoko abe nayo kwiRadio 2000 ngoMvulo.

Kulindeleke ukuba ziqosheliswe izinto ezithile phambi kokuphela kwenyanga ezingesivumelwano esitsha.

Kodwa kusekho enye ingxaki efanayo ephakathi kweSABC neSAFA. UDennis Mumble weSafa, uxelele iSowetan ukuba kunokwenzeka umdlalo weBafana Bafana neLibya ungavezwa yiSABC.

“Akafuni ukuzibophelela uSABC kuthi ngoba akanayo imali. Into abayifunayo ngoku kukuba sibize imali engaphantsi kwaleyo sasivumelene ngayo kwisivumelwano sethu sangaphambili. Iingxoxo zaqala ekuqaleni kwalo nyaka, nangoku asikavumelani ngoba uSABC akanamdla webhola – yindlela endibona ngayo,” utshilo uMumble.

Akukacaci nokuba lo umba uya kusonjululwa ninina ngoba intlanganiso yangoMvulo kubonakala ngathi iye yagxila kwimidlalo yePSL kuphela.