‘Sithengisa ngemizimba ukuze sitye’

Umfundisi Ntomboxolo Malangeni noNoluthando

Kapa: Kukhokelele ukuba athengise ngemizimba khon’ukuze akwazi ukuba alale etyile amagqiyazana amabini kwindawo yoogobityholo iMarikana eKapa.

Aba babini ngamantombazana alekelanayo. Omdala unamashumi amabini anesine eminyaka, ze oza emva kwakhe abenamashumi amabini anesibini eminyaka ubudala.

UNoluthando (ayilogama lakhe lokwenyani) uthi ubomi buqale ukubanzima emva kokuba beshiywa ngunina ngomhla wokuqala kweyeSilimela kulo nyaka.

Utyhola ooninakazi ngokubashiya bengenanto yokugxotha ikati eziko emva kokuba baqokelela zonke iisentana zikanina emva komngcwabo, bona bashiyeka besonge izandla.

“Umama ibingumntu ongaphilanga ixesha elide emva kokuba wahlaselwa sisifo sokugogeka kwamalungu omzimba nto leyo yakhokelela ekubhubheni kwakhe,” utshilo uNoluthando.

Oku kubangele ukuba baxoze mphini wumbi ukuze balale betyile.

UNoluthando uxelele I’solezwe ukuba khange bakwazi ukunyamezela kwaphela. “Sibhenele ukuba mna nodade wethu sithengise ngemizimba ukuze silale sityile nanjengoko sihlala sobabini, kungekho mntu usijongileyo kwizalamane zethu. “Uncedo esithi silufumane lisuka kusisi ongummelwane wethu.”

UNoluthando uyavuma ukuba ukushiywa kwabo ngunina kushiye elona nxeba likhulu, esithi phambi kokubhubha kukanina yena waphelelwa ngumsebenzi ngomhla we17 kwekaCanzibe kulo nyaka.

“Kwimali ebendiyifumana apho bendiphangela khona ndikwazile ukusa esikolweni udade wethu lo uza emva kwam.”

Uthi ukwazile ukumhlawulela imali kwizifundo zeComputer eSilulo Technologies, nalapho afunde khona isithuba seenyanga ezintandathu. UNoluthando uthi udade wabo khange akwazi ukufumana umsebenzi emva kokufumana isatifiketi sakhe seComputer.

Indawo esibambelele kuyo kukuthengisa ngemizimba nalapho kuxhomekeka ukuba sifowunelwe kusini na ngumntu esithengisa ngomzimba kuye nophuma kwilizwe laseNigeria. “Ndilalwa imini yonke, akukho ziyure zibalwayo ze ndihlawulwe nje kuphela iR100.00 ngemini okanye ubusuku bonke.”

Uthi yena esikolweni washiya kwibanga lesithoba. “Ngokusa esikolweni udade wethu bendinethemba lokuba uyakuzuza umsebenzi ukuze imeko ibe ngcono,” utshilo uNoluthando.

Kungokunje uNoluthando uza kuphumla isithuba seveki engathengisi ngomzimba nanjengoko ngomhla weshumi kule veki iphelileyo ezincamile wafowunela kwinkqubo yoomama bangoLwesine ebhexeshwa nguMfundisi Ntomboxolo Malangeni kwisikhululo sikanomathothololo wasekuhlaleni iZibonele FM, nalapho azityande khona igila ngemeko yakhe.

“Ukufumana kwam umnxeba bendicinga ukuba uza kuthandaza kungenjalo ashumayele njengomntu omtsha, koko usuke wabalisa ngendlela aphila ngayo ecela uncedo,” utshilo uMfu. Malangeni.

UMfundisi Malangeni uthi oku khange kumphathe kakuhle nanjengoko aye wacela izandla kumanina asebenzisana nawo kwiqela iLukhangela Kuwe, nabathe bazama badibanisa beqokelela izinto zokutya kuquka nemali eyiR640.00.

UNoluthando uthi eyona nto ayinqwenelayo kukuba bafumane umsebenzi bakwazi ukuzimela bangaxhomekeki mntwini, esitsho kananjalo ukuba angavuya xa anokufumana iR1000.00 ukuze athengise inyama eyojiweyo kuba anqabile amathuba okufumana umsebenzi.

“Siyintlekisa nakubantu abakufuphi nathi abangamadoda abafuna ukulala nathi khon’uze basithengele umbane ukuze singalali ebumnyameni,” utshilo uNoluthando.

Ongummelwane wabo nongafunanga ukudizwa ngegama uthi yintlungu le yaba bantwana.

isibhalo@inl.co.za