Tyali: Bandikwayile abahlali baseLower Ngqungqu

UNtombekhaya Tyali oswelekelwe ngunyana wakheUmfanekiso: BHEKI RADEBE

UNtombekhaya Tyali, 68, waseLower Ngqungqu, eMqanduli, ujijisana nengxaki yokubhubha konyana wakhe eyedwa emva kokuba abahlali belali belikwayile ikhaya lakhe.

Le nkosikazi ikwaywa ngabahlali belali bengenelela kwidabi eliphakathi kwayo kunye nelungu leli khaya uMlamli Tyali oligqwetha.

Ekuqaleni kwalo nyaka, igqwetha uMlamli Tyali laxhaphaza le nkosikazi ngokuyibetha ngenduku de yophuka ingalo.

“Unyana wam ubhubhele eRhawutini ngenxa yokukhathazwa yile nto yokubethwa kwam nguMlamli, ngoku uthumele abantu apha ukuba bandixelele ukuba ndicime ityala lokundibetha kwakhe, okanye ilali iza kundikwaya,” ekhathazekile utshilo uNtombekhaya.

Ingxelo ithi uMlamli Tyali uthumele abantu ukuba baye kuxelela le nkosikazi ukuba ilicime eli tyala.

“Kufike apha uNokhaya Mdunyelwa, uSithethi Mbuthuma nebhodi uVela Gili, beze kundixelela ukuba ndicime ityala okanye akukho mhlali uza kundincedisa ukungcwaba,” utshilo uNtombekhaya.

USithembile Tyali ongunyana weli khaya ubhubhele eRhawutini emva kwengulo emfutshane, kulindeleke ukuba angcwatywe ngomhla wokuqala wenyanga ezayo.

Emva kokophuka ingalo ngokubethwa nguMlamli Tyali, uNtombekhaya Tyali, wafaka ityala kumapolisa aseMqanduli.

“Ngenyanga yeSilimela ityala belisenkundleni, ngoku siphindela enkundleni ngomhla weshumi elinanye kwinyanga ezayo, andisoze ndicime tyala mna, andimoyiki uMlamli Tyali,” utshilo uNtombekhaya.

Eli khaya liphila elusizini ngenxa yokoyikiswa ngeendlela ezininzi ngabantu abarhanela ukuba bathunywa nguMlamli.

“Sithathelwa iigusha, siyoyikiswa ngabantu ngokubethwa nokugxothwa nokuba sihamba esitalatweni, siphila nzima kakhulu kule ndawo,” utshilo. Egameni lekhaya lakwaTyali, uVulikhaya Tyali, akafumanekanga ukuziphendulela.

Intombi yeli khaya nesoloko isecaleni konina uNombhedesho, uthi abasazi isono sabo kusapho lakwaTyali.

“Siphila ubomi bentshontsho apha, ngoku siza kungcwaba ubhuti sisodwa, sikwaywa xa besenze ntoni kubahlali, kuba umama wabethwa ekhusela iigusha zomzi wakhe, ibuhlungu le nto.”

Igqiza ebelithunyelwe nguMlamli kweli khaya ukuba licenge lo mama ukuba acime ityala, limxelele ukuba lukhona uncedo.

“Bathi ukuba ndingacima ityala, uMlamli angandingcwabela ngoba unayo imali yokwenza lo nto.”

INkosi yale ndawo uNkosi Phathekile Holomisa akafumanekanga ukwenza ilizwi ngale ngxaki yokukwaywa kolu sapho.