Abahlali: Ukufakelwa kombane kuza kunciphisa ubundlobongela eMarikana

Ipali yombane efakwe eMarikana: UMFANEKISO:ISIXEKO SASEKAPA

EKAPA: BAKWAMKELE ukufakelwa kwepali  ende yombane (high-mast) abahlali baseMarikana ePhilippi- bethemba ukuba iza kudlala indima enkulu ekunciphiseni ubundlobongela kule ngingqi.

Emva kweenyanga ezilishumi bathenjiswa, ude wafakwa umbane ekukudala bawukhalazela. Isicelo sabo side saphunyezwa ngoLwesine ngelixa uSodolophu waseKapa uPatricia de Lille efakela ipali ezimitha ezingama30 ubude kwisitalato iSheffield.

Le pali yeyokuqala kwezintlanu eziza kufakelwa kule ngingqi. UDe Lille uthe ukubambezeleka bekubangelwa kukuba bekufuneka isixeko sifumane imvume kwinkampani yeenqwelomoya nanjengoko le pali isendleleni yazo.

Le pali ayindanga njengesiqhelo kuba kusoyikiselwa ukuba iphazamise iinqwelomoya ezisuka nezingena kwisikhululo seenqwelomoya saseKapa, utshilo uDe Lille.

“Isixeko sibeke bucala imali engangeR2 million ukuze kufakelwe ezinye iipali ezine,” utshilo.

Uthe kuza kufuneka besusiwe abanye abantu ukuze kubekwe ezo pali kwiindawo abakuzo.

Inkokheli yabahlali uMelikhaya Bhunga uthe sele bethethile nabahlali malunga nokususwa. Uthe kodwa kufuneka bayazi ukuba baza kusiwa phi.

UDe Lille uthe isixeko siza kubafunela indawo eMacassar.

Abahlali basebenzise eli thuba bavakalisa izikhalazo zabo kusodolophu. Bathe bayavuya xa uza kubakhona umbane kodwa bafuna kwakhiwe neendawo zokuzithuma nemibhobhho ehamba amanzi.

UDe Lille uphendule ngelithi, isixeko asikwazi ukuzisa iinkonzo kule ngingqi nanjengoko lo mhlaba unomnikazi wawo.

UNomava Votile ohlala nabantwana bakhe abane, uthe: “Ndivuya kakhulu xa kuza kufakelwa umbane apha. Lo nto iza kunciphisa ubundlobongela obugqubayo kule ndawo. Asilali zizikoli apha. Kunzima nokuya evenkileni ngorhatya. ”

IMarikana yasekwa ngo2013 emva kokuba abantu bathatha umhlaba ngenkani. Basangena bephuma ezinkundleni bezama ukuba isixeko sithenge lo mhlaba ukuze kuziswe iinkonzo. Le ngingqi yayingundaba-mlonyeni kulo nyaka uphelileyo emva kokuba kwabulawa abantu abalishumi elinanye ngobusuku obunye.