UBrooke Logan kaBold uza eMpuma Koloni!

INENEKAZI elithandwayo kumdlalo weSABC3, iThe Bold and the Beautiful, uKatherine Kelly Lang owaziwa ngelikaBrooke Logan, uza kuthi cakatha kumhlaba woMzantsi Afrika kule nyanga.

Lo mdlali obe yindumasi iminyaka eliqela kwiBold ngokudlala indima kaBrooke ngendlela ephum’ izandla waziwa ngokubalisa ubomi obunamahla ndenyuka ezothando ukususela ngo1987.

UBrooke waziwa njengeqhawekazi lalo mdlalo, nelihleli lijongene nemingeni kubomi balo bezothando.

EMzantsi Afrika, uBrooke uza kuchitha ixesha nabalandeli bakhe, endwendwela iindawo ezinembali eMzantsi Afrika njengenxalenye yephulo lakhe leBreakaway from Cancer.

Uza kube ekhuphisana kwi-Ironman Championships eBhayi ngoMgqibelo umhla wokuqala kweyoMsintsi 2018.

Abalandeli bakaBrooke bangadibana naye kwezi ndawo zilandelayo:

Menlyn Mall ePitoli ngo11:00 ngoLwesithathu, umhla we5 kweyoMsintsi;

Maponya Mall eSoweto ngo14:00 ngoLwesithathu, umhla we5 kweyoMsintsi.

Akuphelelanga apho, abalandeli bakhe abaseBhayi okanye kwinqila yeMpuma Koloni, banethuba lokuphumelela ithuba lokudibana kwanokutya noBrooke – A Meet and Brunch with Brooke Logan eBhayi – ithuba oliphathelwa yiSABC3 neNelson Mandela Bay Tourism.

Ukuze ungenele, ababukeli kufanele babukele iBold and the Beautiful kwiSABC3 ngecala emva kwentsimbi yesihlanu phakathi evekini, ze bangenele kumakhasi wonxibelelwano weSABC3.

Facebook: @SABC3 okanye kwiTwitter: @SABC3 besebenzisa iihashtag ezithi: #TheBoldSABC3Tour no #SABC3TheStageisYours.