Ubomi eziseleni kowabulala owasetyhini ngenxa yesikhwele

INKUNDLA yengingqi yaseTsomo imgwebe ubomi ejele uNdive Sityoshwana (30) emva kokufunyanwa enetyala lokubulala inkosikazi awayencuma nayo.


USityoshwana walenza eli sikizi kwilali yaseMbevini, eMthwaku eNgqamakhwe ngoTshazimpuzi ka2017.


Isithethi samapolisa uKapteni Jackson Manatha, uthi uSityoshwana waya kwindlu apho uAyanda Anga Khonco (28), owayencuma naye, wayehleli nesithandwa sakhe esitsha.


UManatha uthi uSityoshwana akazange abuze, wafika wahlaba iqabane likamfi, lakwazi ukuphonculuka libaleka lishiya ngasemva uKhonco noSityoshwana.


 “Umfi wazama naye ukubaleka kodwa wafunyanwa ze wahlatywa ngemela  de wabe uyabhubha kwindawo leyo yexhwayelo,” utshilo uManatha.


USityoshwana ugwetywe ubomi kwityala lokubulala, ze wagwetywa iminyaka emihlanu kwelokuzama ukubulala.


Inkumanda kumapolisa aseGcuwa uBrigadiya Ngangema Xakavu, usiqhwabele izandla esi sigwebo, esithi iya kuba sisifundo nakubanye.