‘Sidiniwe sisinxilo nokuqhunywa kwabantwana bezikolo!’

NGENTLA: Usodolophu uMongameli Bobani okhokele umngcelele.

Badikwe yeyokosa abahlali baseBhayi sisigqubu sabantwana bezikolo abaxaba etheni ngooLwesihlanu.

Abahlali beewadi ezisixhenxe kule ndawo bebephume iphulo ngoLwesihlanu esimshiyileyo benza umngcelele bayokuthontelana kwisitalato esibizwa ngokuba yiKoyana phambi kwegaraji eyaziwa ngokuba kukwaLamani kwilokishi yaseZwide, beyokuchitha isiqhu sabantwana bezikolo, amakhwenkwe namantombozana.

Lo mngcelele ubukhokelwa ngusodolophu wale ndawo uMongameli Bobani namanye amalungu esigqeba sakhe, ooceba bezi wadi, abazali, ootitshala nabanini beethaveni.

Rhoqo ngooLwesihlanu abantwana nabanye ababizwa ngokuba zizikhothane baphuma ezikolweni zabo bayokuma esazulwini sendlela, bambi beyabula emacaleni, bambi bekhuphisana ngeempahla ezinamaxabiso, abanye bevuma iingoma ezinesingcolo phakathi.

Onguceba kwiwadi engunombolo 25, uMabaso Jacobs, uthe bathabathe eli nyathelo emva kwezikhalazo zabahlali besithi makwenziwe into ngesi sigqubu.

Uthe phakathi kwaloo ngxolo, isinxilo naso sithathe indawo, abanye bamanzi kukuqhunywa sisiyobisi esifana netiki.

“Sithi kwanele ngoku, sicela ukuba amapolisa angenelele, sidiniwe sisinxilo nokuqhunywa kwabantwana bezikolo, siza kubalapha ngobuninzi bethu singabahlali rhoqo ngooLwesihlanu,” utshilo okaJacobs.

UZithobele Kebe ongutitshala kwisikolo iGarreth, uthe nabo banengxaki yabantwana babo abangene baphelela kulo mkhwa, esithi kudala becenga amapolisa ukuba aze kubothusa esikolweni, koko amapolisa azalela endle.

“Sibafundisa benjalo bekwiqondo eliphezulu lokuqhunywa, ibe seso siphazamisi somntwana ophendula kuthethwa, kodwa ke akukho nto sinokuyenza kuba umthetho ungasijikela kuba awusivumeli,” uthethe watsho utitshala.

“Mna ndiza kugila umntwana womntu endleleni yam, andizikuphathwa ngabantwana abasileyo,” utshilo omnye wabahlali enomsindo.

Usodolophu uBobani uthe uza kuqinisekisa ukuba uwusebenza eofisini yakhe lo mba, esithi zonke iilokishi zalo masipala zinale ngxaki.

Izikhalazo zabahlali zamkelwe nguBrigadiya Lindelwa Vellem, ophefumle wathi uyavuya ukuba abahlali bangenelele, esithi ikwangabo abathethelela abantwana babo babuye kwabona bayokukhalaza emapoliseni.