Ukuzithemba kuphezulu kwinkampu yeBoks

Umdlali weSpringbok, uFaf de Klerk, uthi kubalulekile ukugxininisa kwindlela abawasebenzisa ngayo amathuba beliqela phambi kokudibana neAustralia kumdlalo weRugby Championship ojongwe ngamehlo abomvu oza kube useNelson Mandela Bay Stadium emalanga ngoMgqibelo.

Amakhwenkwe kaRassie Erasmus anyathelela phezulu kwaye nokuzithemba kufunqukile emva kokubetha ngo’36-34 iintshatsheli zehlabathi – iNew Zealand.

Okufunekayo ngoku kukuba abadlali beBoks basebenzise amandla afanayo nalawa babethe ngawo iNew Zealand kutshanje.

UDe Klerk uthi umoya wabadlali enkampini ubusoloko umhle – kodwa bekukho ukungazithembi ncam phambi kwempumelelo abayifumene eWellington.

“Leya impumelelo ibabonisile abadlali into abanokuyenza. Siwuphakamisile umdlalo wethu ngoku. Into efunekayo kukuba siye emdlalweni sidlale umdlalo ongcono,” utshilo uDe Klerk.

Ukubetha iNew Zealand kutshintshe izinto kwiqela lesizwe emva kokungaqhubi kakuhle kwimidlalo emibini. Imeko yeWallabies iyafana neyeBoks ngoba zikhangela iziphumo ezihle emva kokutywatyushwa kwimidlalo egqithileyo.

Yiyo lo nto eza kwenza umdlalo ube nzima futhi unike umdla kubalandeli bombhoxo. Ukuphumelela kweqela likaRassie kubabuyisile abalandeli ababethande ukulifulathela ngenxa yokungaqhubi kakuhle.

“Ngoku isizwe sonke sithembele kuthi. Ukuba singadlala ngokufanayo nomdlalo ogqithileyo, lo nto ingasinceda njengokuba sijonge kwindebe yehlabathi. Siyakwazi ukudala amathuba emidlalweni – kodwa asiwasebenzisi kakuhle. Enye yezinto ezibangela lo nto kukungabikho kwamava kubadlali abathile,” utshilo uDe Klerk.

Ukudlalela kwayo kude nekhaya iAustralia ziindaba ezimnandi kubadlali bayo ngoba basoloko bephantsi koxinizelelo ekhaya.

“Ukuba kude eAustralia yinto engasinceda nathi. Eli lithuba lethu lokuhlangana kwakhona,” utshilo uAllan Alaalatoa weWallabies.