Aphinde afunana esiqwini amadoda aseBhayi

Ibingumbhodamo wodwa kwibhunga laseBhayi Umfanekiso: Mpumelelo Matwa

Bekudubhudubhu
ngathi sisidudu sibila kwintlanganiso yebhunga likamasipala waseBhayi namhlanje, amadoda efunana esiqwini.

Eli bhunga
nebelihleli okokuqala ngale mini kususela emva kwesigwebo senkundla ephakamileyo
ebihleli eBhayi kule veki iphelileyo neyagqiba okokuba intlanganiso yangomhla wama-27 kweyeThupha neyasusa
esihlalweni owayesakuba ngusodolophu walo masipala – uAthol Trollip nosomlomo
welobhunga uJonathan Lawack – ithatyathwe njengentlanganiso eyayisemthethweni.

Le ntlanganiso
ayikhange ihambele ndawo emva kokuba usomlomo omtsha weli bhunga, uBuyelwa Mafaya, ebhengeze ukuba uMbulelo Manyathi ulelinye lamalungu akhoyo ebhungeni njengoko
naye kulungile ukuba abelapho ngokwesigwebo senkundla emva kokumangalela
umbutho weDA emgxothe phakathi kwintlanganiso yebhunga
emva kokunyevulela lo mbutho, evota nemibutho ephikisayo.

Amalungu eDA
aqale ngalo mzuzu ukuqhankqalaza esithi lo ka Manyathi akafanelekanga ukuba lapho
kuba akaselilo ilungu lawo esithi wona afungise uLutho Sokudela njengoceba
ozakungena ezihlangwini zakhe.

Ibe
ngulo mbhodamo emva koko usomlomo ezama ukucenga inzolo, amalungu eDA esithi
ayizi kuqhuba loontlanganiso kude kuphume uManyathi nooceba bemibutho yeANC,
EFF, UDM, AIC nePatriotic Alliance esithi makakhutshwe uSokudela kuba
akangoceba osemthethweni.

Kunyanzeleke
ukuba kubizwe oonogada kodwa boyisakala ukukhupha umfo kaSokudela phakathi
kwalo ngxwaba-ngxwaba nokhuselo lwamalungu eDA esala ukuba akhutshwe.

“Makaphume
uManyathi kungekunjalo ayizokuqhuba le ntlanganiso, samgxotha njengelungu
lombutho wethu!” utshilo uNqaba Bhanga, ongusihlalo
weDA ephondweni.

Usomlomo uthethe
wema ngeenyawo kodwa kungekho kugoba uphondo kwiDA waza emva koko wayichitha loo ntlanganiso.

“Ayamkeleki
tu kwaphela into eyenzekileyo ebhungeni namhlanje, kucacile ukuba bebeze
kule ntlanganiso bezokubhoxa, siboyisile enkundleni yamatyala ngoku kukubo
ukuba bamkele isigqibo senkundla,” utshilo usodolophu uMongameli Bobani emva
kwale ntlanganiso.