Ugrunjwe ngemihlakulo obecinezelwe yindlu yangasese eTaiwan eKhayelitsha!

Indlu yangasese ecinezele uVuyiswa Nofuma eTaiwan. Umfanekiso: THANDI JOLINGANA

EKAPA: LIKHALELELE ukuzibulala ibhinqa laseTaiwan eKhayelitsha ebelicinezelwe yindlu yangasese laze lavaleleka ngelixa beliyokuzithuma ngoLwesithathu ebusuku.

 

“Ndakhalela ukuzibulaIa,” utshilo uVuyiswa Nofuma ebalisela I’solezwe ngalo ntlekele.

 

UNofuma ucinezeleke emva kokuba kuwe ikhonkrithi ekwakhiwe ngayo ezo zindlu zangasese.

 

“Ibuye yonke yawa kanye ngeli cala lomnyango ndashiyeka ndivalelekile. Ngethamsanqa bebekhona abamelwane ebebeziselela kufutshane. Bandivile baze bayibona nethoyilethi leyo ukuba iwile. Baye balanda imihlakulo bagrumba ukuze bakwazi ukuyiguqula ndabe ke ndiyaphuma njalo,” utshilo.

 

UNofuma uthe, uye wayakuhlaba ngengalo yasekhohlo waze wonzakala igxalaba ngelixa ibisiwa.

 

“Ndiyibonile ukuba ibingazinzanga kodwa andacinga ukuba ingawa. Ndithe xa ndigqiba ukuzithuma ndiza kugungxula, ndayiva ishukuma. Ndizamile ukuyibamba kodwa ndohlulakala.

 

Inkokheli yabahlali uThandi Jolingana uthe uninzi lwezindlu zangasese kule ngingqi azizinzanga.

 

“Kudala safaka izikhalazo esixekweni kodwa kukhangeleka ingathi asihoywa. Yingozi le nto yenzeke kuVuyiswa. Ixhala lam ngabantwana abadlala apha,” utshilo.

 

Ilungu lekomiti lezamatyotyombe uXanthea Limberg uthe baza kuphanda unobangela wokuwa kwaloo ndlu yangasese.

Uphikile ukuba kudala kwafakwa izikhalazo malunga nezindlu zangasese ezingazinzanga eTaiwan.

Uthe isixeko sikwiphulo lokufakela izindlu zangasese ezintsha kule ngingqi kweyoMdumba kulo nyaka uzayo.

 

Esi siganeko simshiye nentlungu, imikrwelo nengalo edumbileyo uNofuma.  “Ndisebenza kumzi-mveliso apho umsebenzi ikukuthwala ibhokisi. Andizukwazi ngoku ngoba ayisebenzi ingalo yam yasekhohlo nanjengoko ibuhlungu kakhulu. Ndiyaqhwalela xa ndihamba ngoku,” utshilo.


Ngeli xesha isawileyo le ndlu yangasese, uNofuma uza kusebenzisa ipheyile xa ezithuma ebusuku aze alicoce kusasa, agalele kwithoyilethi yakwaMshengu ekude apho ahlala khona..